Lumina
Numbers

Israel's Journeys

Numbers 33ยทXhosa Bible

1Zizo ezi iimfuduka zoonyana bakaSirayeli, abaphumayo ezweni laseYiputa ngokwemikhosi yabo, ngesandla sikaMoses noAron."

2UMoses wakubhala ukuphuma kwabo ngokweemfuduka zabo, ngokomlomo kaYehova. Zizo ke ezi iimfuduka zabo ngokuphuma kwabo:"

3Banduluka eRameses ngenyanga yokuqala, ngosuku lweshumi elinesihlanu lwenyanga yokuqala; ngengomso emva kwepasika, baphuma oonyana bakaSirayeli ngesandla esiphakamileyo, emehlweni amaYiputa onke."

4AmaYiputa ayengcwaba abo wababethayo uYehova kuwo, bonke abamazibulo; nasezithixweni zabo uYehova wenza izigwebo."

5Banduluka oonyana bakaSirayeli eRameses, bamisa iintente eSukoti."

Numbers 33 illustration - Numbers Chapter 33

6Banduluka eSukoti, bamisa e-Etam, esesiphelweni sentlango."

7Banduluka e-Etam, babuyela ngasePihahiroti, ephambi kweBhahali-tsefon, bamisa phambi kweMigidoli."

8Banduluka phambi kweHahiroti, baluwela ulwandle, baya entlango; bahamba uhambo lweemini ezintathu entlango ye-Etam, bamisa eMara."

9Banduluka eMara, bafika e-Elim; kwakukho e-Elim apho imithombo yamanzi elishumi elinamibini, nemithi yesundu engamashumi asixhenxe, bamisa khona."

10Banduluka e-Elim, bamisa ngaseLwandle oluBomvu."

Numbers 33 illustration - Numbers Chapter 33

11Banduluka eLwandle oluBomvu, bamisa entlango yeSin."

12Banduluka entlango yeSin, bamisa eDofeka."

13Banduluka eDofeka, bamisa eAlushe."

14Banduluka eAlushe, bamisa eRefidim, apho kwakungekho manzi okuba abantu basele."

15Banduluka eRefidim, bamisa entlango yeSinayi."

Numbers 33 illustration - Numbers Chapter 33

16Banduluka entlango yeSinayi, bamisa eKibroti-hatahava."

17Banduluka eKibroti-hatahava, bamisa eHatseroti."

18Banduluka eHatseroti, bamisa eRitema."

19Banduluka eRitema, bamisa eRimon-peretse."

20Banduluka eRimon-peretse, bamisa eLibhena."

Numbers 33 illustration - Numbers Chapter 33

21Banduluka eLibhena, bamisa eRisa."

22Banduluka eRisa, bamisa eKehelata."

23Banduluka eKehelata, bamisa entabeni yeShefere."

24Banduluka entabeni yeShefere, bamisa eHarada."

25Banduluka eHarada, bamisa eMakeloti."

Numbers 33 illustration - Numbers Chapter 33

26Banduluka eMakeloti, bamisa eTahati."

27Banduluka eTahati, bamisa eTara."

28Banduluka eTara, bamisa eMiteka."

29Banduluka eMiteka, bamisa eHashemona."

30Banduluka eHashemona, bamisa eMoseroti."

Numbers 33 illustration - Numbers Chapter 33

31Banduluka eMoseroti, bamisa eBhene-yahakan."

32Banduluka eBhene-yahakan, bamisa emqolombeni waseGidegadi."

33Banduluka emqolombeni waseGidegadi, bamisa eYotebhata."

34Banduluka eYotebhata, bamisa eAbrona."

35Banduluka eAbrona, bamisa e-Etsiyon-gebhere."

Numbers 33 illustration - Numbers Chapter 33

36Banduluka e-Etsiyon-gebhere, bamisa entlango yeTsin eyiKadeshe."

37Banduluka eKadeshe, bamisa entabeni yeHore, esiphelweni selizwe lwakwaEdom."

38Wenyuka uAron, umbingeleli, waya entabeni yeHore ngokomlomo kaYehova, wafela khona ngomnyaka wamashumi amane wokuphuma koonyana bakaSirayeli ezweni lamaYiputa, ngenyanga yesihlanu, ngolokuqala enyangeni leyo."

39UAron wayeminyaka ilikhulu linamanci mabini anamithathu ezelwe, ekufeni kwakhe entabeni yeHore."

40Weva umKanan, ukumkani waseAradi, owayehleli kwelisezantsi ezweni lakwaKanan ukuba bafikile oonyana bakaSirayeli."

Numbers 33 illustration - Numbers Chapter 33

41Banduluka entabeni yeHore, bamisa eTsalimona."

42Banduluka eTsalimona, bamisa ePunon."

43Banduluka ePunon, bamisa eObhoti."

44Banduluka eObhoti, bamisa eIye-abharim, emdeni wakwaMowabhi."

45Banduluka eIyim, bamisa eDibhon yakwaGadi."

Numbers 33 illustration - Numbers Chapter 33

46Banduluka eDibhon yakwaGadi, bamisa eAlimon-dihlatayim."

47Banduluka eAlimon-dihlatayim, bamisa ezintabeni zeAbharim phambi kweNebho."

48Banduluka ezintabeni zeAbharim, bamisa ezinkqantosini zakwaMowabhi, ngaseYordan malunga neYeriko,"

49Bamisa ngaseYordan, bethabathela kwiBhete-yeshimoti, besa kwiAbhele-shitim ezinkqantosini zakwaMowabhi."

50Wathetha uYehova kuMoses ezinkqantosini zakwaMowabhi, ngaseYordan malunga neYeriko, esithi,"

Numbers 33 illustration - Numbers Chapter 33

51Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa nithe nayiwela iYordan, nangena ezweni lakwaKanan,"

52nobagqogqa bonke abemi belo zwe phambi kwenu, niwachithe onke amatye angumfanekiso, nemifanekiso yabo yonke etyhidiweyo niyichithe, nazo zonke iziganga zabo nizitshabalalise;"

53nilihluthe ilizwe, nihlale kulo; kuba ndininikile ilizwe eli, ukuba nime kulo."

54Nize nilabe ilizwe ngamaqashiso ngokwemizalwane yenu. Omninzi nolenza lininzi ilifa lawo, omncinane nilenze lincinane ilifa lawo; ingulowo ube sendaweni elothiliwe kuyo iqashiso lawo. Nolidla ilifa ngokwezizwe zooyihlo."

55Ukuba anithanga nibagqogqe abemi belizwe phambi kwenu, kothi abo nibasalisileyo babengameva emehlweni enu, neemviko emacaleni enu, banibandezele ezweni enihleli kulo."

Numbers 33 illustration - Numbers Chapter 33

56Kothi, njengoko ndagqibayo ukwenza kubo, ndenze ngako nakuni."

Chapter Complete

You have read Numbers 33

56 verses