Lumina
Numbers

Miriam and Aaron

Numbers 12·Xhosa Bible

1Bathetha ooMiriyam noAron ngoMoses ngenxa yendawo yenkazana engumKushikazi abeyizekile: ngokuba wayezeke inkazana engumKushikazi."

2Bathi, UYehova uthethe ngoMoses yedwa yini na? Akathethanga nangathi na? Weva uYehova."

3Ke indoda le inguMoses ibilulamile kunene kunabantu bonke abasemhlabeni."

4Wathetha uYehova ngesiquphe kuMoses, nakuAron, nakuMiriyam, esithi, Phumani nina nobathathu, nize ententeni yokuhlangana; baphuma bobathathu."

5Wehla uYehova ngomqulu welifu, wema emnyango wentente, wabiza ooAron noMiriyam; baphuma bobabini."

Numbers 12 illustration - Numbers Chapter 12

6Wathi, Khanive amazwi am. Ukuba nithe nanomprofeti kaYehova, ndozazisa kuye ngombono, ndithethe kuye ephupheni."

7Akanjalo umkhonzi wam uMoses; unyanisekile yena endlwini yam yonke."

8Ndiya kuthetha naye umlomo kumlomo, ngokubonakalayo, kungabi ngantsonkotha; asikhangele yena isimilo sikaYehova. Yini na ukuba ningoyiki ukuthetha ngomkhonzi wam uMoses?"

9Wavutha umsindo kaYehova kubo, wemka yena."

10Lemka ilifu ententeni; yini le? uMiriyam uneqhenqa njengekhephu. Wabheka uAron kuMiriyam; yini? uneqhenqa."

Numbers 12 illustration - Numbers Chapter 12

11Wathi uAron kuMoses, Tarhu, nkosi yam; musa ukusibeka tyala ngesono esisenzileyo ngokumatha, sonangaso."

12Makangaseleba njengofileyo, othi ekuphumeni kwakhe esizalweni sonina abe seledlekile isiqingatha senyama yakhe."

13Wakhala uMoses kuYehova, esithi, Thixo, ndiyakukhunga, khawumphilise."

14Wathi uYehova kuMoses, Ukuba uyise ubetshice ukutshica oku ebusweni bakhe, ubengayi kuva ihlazo na iintsuku ezisixhenxe? Makavalelwe imihla ibe sixhenxe ngaphandle kweminquba, emveni koko amkelwe."

15Wavalelwa ke uMiriyam ngaphandle kweminquba imihla esixhenxe. Abanduluka abantu, wada wamkelwa uMiriyam."

Numbers 12 illustration - Numbers Chapter 12

16Emveni koko banduluka abantu eHatseroti, bamisa entlango yaseParan."

Chapter Complete

You have read Numbers 12

16 verses