Lumina
Nehemiah

Dwellers in Jerusalem

Nehemiah 11·Xhosa Bible

1Bahlala abathetheli babantu eYerusalem; abanye abantu bawisa amaqashiso, ukuba kungeniswe abe mnye kwabalishumi, ahlale eYerusalem kuwo umzi ongcwele, nezinye izahlulo ezisithoba zihlale kweminye imizi."

2Abantu bawasikelela amadoda onke aqhutywa yintliziyo ukuba ahlale eYerusalem."

3Zizo ezi iintloko zelizwe lakwaYuda, ezahlala eYerusalem; ke emizini yakwaYuda, yaba ngulowo wahlala elifeni lakhe, emizini yabo, ingamaSirayeli, nababingeleli, nabaLevi, nabakhonzi betempile, noonyana babakhonzi bakaSolomon."

4EYerusalem kwahlala ezoonyana bakaYuda, nezoonyana bakaBhenjamin. Koonyana bakaYuda: yanguAtaya, unyana kaUziya, unyana kaZekariya, unyana ka-Amariya, unyana kaShefatiya, unyana kaMahalaleli koonyana bakaPeretse;"

5noMahaseya, unyana kaBharuki, unyana kaKoli-hoze, unyana kaHazaya, unyana ka-Adaya, unyana kaYoyaribhi, unyana kaZekariya, unyana womSheloni."

Nehemiah 11 illustration - Nehemiah Chapter 11

6Bonke oonyana bakaPeretse, ababehlala eYerusalem, ibingamakhulu amane, anamanci mathandathu anesibhozo, amadoda anobukroti."

7Ngabo aba oonyana bakaBhenjamin: ibinguSalu, unyana kaMeshulam, unyana kaYohedi, unyana kaPedaya, unyana kaKolaya, unyana kaMahaseya, unyana kaItiyeli, unyana kaYesaya."

8Emva kwakhe ibinguGabhayi-salayi, enamakhulu asithoba, anamanci mabini anesibhozo;"

9noYoweli unyana kaZikri, umphathi kubo, noYuda unyana kaSenwa, engowesibini kubaphathi bomzi."

10Kubabingeleli: ibinguYedaya unyana kaYoyaribhi, noYakin,"

Nehemiah 11 illustration - Nehemiah Chapter 11

11noSeraya, unyana kaHilekiya, unyana kaMeshulam, unyana kaTsadoki, unyana kaMerayoti, unyana ka-Ahitubhi, inganga yendlu kaThixo,"

12nabazalwana babo ababesenza umsebenzi wendlu, bengamakhulu asibhozo, anamanci mabini anababini; noAdaya unyana kaYeroham, unyana kaPelaleya, unyana ka-Amtsi, unyana kaZekariya, unyana kaPashure, unyana kaMalekiya,"

13nabazalwana bakhe, iintloko zezindlu zooyise, bengamakhulu amabini, anamanci mane anababini; noAmashesayi, unyana ka-Azareli, unyana ka-Azayi, unyana kaMeshilemoti, unyana kaImere;"

14nabazalwana babo, amagorha anobukroti, belikhulu elinamanci mabini anesibhozo; umphathi kubo ibinguZabhediyeli unyana kaGedolim."

15KubaLevi: ibinguShemaya unyana kaHashubhi, unyana ka-Azarikam, unyana kaHashabhiya, unyana kaBhuni,"

Nehemiah 11 illustration - Nehemiah Chapter 11

16noShabhetayi, noYozabhadi, ababephethe umsebenzi ongaphandle wendlu kaThixo, kwiintloko zabaLevi;"

17noMataniya unyana kaMika, unyana kaZabhedi, unyana ka-Asafu, obengumhlabeli wezokudumisa emthandazweni, noBhakebhukiya, obengowesibini kubazalwana bakhe, noAbheda, unyana kaShamuwa, unyana kaGalali, unyana kaYedutun."

18Bebonke abaLevi emzini ongcwele babengamakhulu amabini, anamanci asibhozo anabane."

19Abamasango: ibinguAkubhi, noTalemon, nabazalwana babo abagcina amasango, belikhulu elinamanci asixhenxe anababini."

20Amanye amaSirayeli, nababingeleli, nabaLevi, babekweminye imizi yonke yakwaYuda, elowo eselifeni lakhe."

Nehemiah 11 illustration - Nehemiah Chapter 11

21Ke abakhonzi betempile babehlala eOfele; abakhonzi abo betempile babephethwe nguTsiha noGishpa."

22Umphathi wabaLevi eYerusalem ibingu-Uzi unyana kaBhani, unyana kaHashabhiya, unyana kaMataniya, unyana kaMika koonyana baka-Asafu, iimvumi, malunga nomsebenzi wendlu kaThixo."

23Ngokuba umthetho wokumkani ubuphezu kwabo, nomnqophiso wenene ubuphezu keemvumi malunga nento yemini ngangemini yayo."

24UPetaya unyana kaMeshezabheli, koonyana bakaZera, unyana kaYuda, ubesisandla sokumkani ezintweni zonke zabantu."

25Emizini nasemaphandleni ayo kwahlala inxenye yoonyana bakaYuda eKiriyati ka-Arbha namagxamesi ayo, naseDibhon namagxamesi ayo, naseKabhetseli nemizi yayo,"

Nehemiah 11 illustration - Nehemiah Chapter 11

26naseYeshuwa, naseMolada, naseBhete-palete,"

27naseHatsore-shuwali, naseBher-shebha namagxamesi ayo,"

28naseTsikelage, naseMekona namagxamesi ayo,"

29nase-Enrimon, naseTsora, naseYarmuti,"

30naseZanowa, naseAdulam namagxamesi ayo, naseLakishe, nasemaphandleni ayo, naseAzeka namagxamesi ayo. Bahlala ke, bathabathela eBher-shebha besa emfuleni wakwaHinom."

Nehemiah 11 illustration - Nehemiah Chapter 11

31Oonyana bakaBhenjamin bathabathela eGebha, besa eMikimas, naseAya, naseBheteli namagxamesi ayo,"

32naseAnatoti, naseNobhi, naseAnaniya,"

33naseHatsore, naseRama, naseGitayim,"

34naseHadidi, naseTsebhoyim, naseNebhalati,"

35naseLode, naseOno emfuleni weengcibi."

Nehemiah 11 illustration - Nehemiah Chapter 11

36NakubaLevi kwaphuma amaqela kwaYuda, eza kwaBhenjamin."

Chapter Complete

You have read Nehemiah 11

36 verses