1Yeha, umzi wamagazi! Uzele kwaphela luhanahaniso nakukudlavula; akumki kuwo ukuqwenga."
2Isithonga seziniya, nesithonga sokugoqoza kweevili, nokuphala kwamahashe, nokuxhuma kweenqwelo zokulwa;"
3abamahashe besenza amagqasi, ukubengezela kwamakrele, nokumenyezela kwezikhali; ukuba baninzi ababuleweyo, izigigaba zabafileyo; ewe, azinakuphela izidumbu; bayakhubeka ezidumbini zabo;"
4ngenxa yobuninzi bezihenyuzo zehenyukazi elihle, elinesoya, umnikazi-kukhafula, othengisa iintlanga ngezihenyuzo zakhe, nemizalwane ngokukhafula kwakhe."
5Uthi uYehova wemikhosi, Yabona, ndikuchasile; ndozityhila iingubo zakho, ndiziphose phezu kobuso bakho, ndizibonise iintlanga ubuze bakho; ndizibonise izikumkani ukucukucezwa kwakho."

6Ndiya kukugalela ngezinto ezinezothe, ndikwenze inqambi, ndikwenze ube njengento ebonelwayo."
7Kuya kuthi, bonke abakubonayo bakubaleke, bathi, INineve ibhuqekile; ngubani na oya kuyikhuza? ndokufunela phi na abathuthuzeli?"
8Uyidlule ngokulunga yini na iNo ka-Amon, eyamisa emijelweni yoMnayile, amanzi engeenxa zonke kuyo; elungqameko lwayo ibilulwandle, udonga lwayo lululwandle?"
9Ayengamandla ayo amaKushi kwanamaYiputa, engenakuphela ndawo ke; amaPuti namaLubhi avengabancedisi bayo."
10Nayo ke leyo yafuduswa, yathinjwa, neentsana zayo zacunyuzwa ezimbonjeni zezitrato zonke; amadoda azukileyo kuyo bawenzela amaqashiso; bonke abakhulu kuyo babakhonkxa ngemixokelelwane."

11Nawe lo uya kunxila, uya kufihlakala; nawe lo uya kufuna igwiba ngenxa yotshaba."
12Zonke iinqaba zakho ziyimikhiwane enamakhiwane aqalelayo; ukuba avuthululwe, owa emlonyeni wowadlayo."
13Yabona, abantu bakho bangamankazana phakathi kwakho apho; avulekile amasango elizwe lakho, avulekela iintshaba zakho; umlilo utshisa imivalo yakho."
14Zikhelele amanzi angqingo, qinisa iinqaba zakho; ngena eludakeni, uxovule udongwe; lungisa iziko lokutshisa izitena."
15Khona apho umlilo uya kukutshisa; ikrele liya kukunqumla, liya kukudla njengenkumbi ekhothululayo. Zandise njengenkumbi ekhothululayo, zandise njengenkumbi eyandayo."

16Ubandisile ke abarhwebi bakho ngaphezu kweenkwenkwezi zezulu; inkumbi ekhothululayo igalelekile, yabhunyula, yabaleka yemka."
17Abaluluhle bakho banjengeenkumbi ezandayo, abathetheli bakho banjengemiqikela, ngemiqikela yeenkumbi, ezilalisa ezintangweni mhla ngengqele; lithi lingaphuma ilanga, zibaleke zimke, ingazeki indawo yazo, ukuba ziphi na."
18Balele abalusi bakho, kumkani Asiriya; zilele phantsi iingangamsha zakho; bathe phangalala abantu bakho ezintabeni, akukho ubabuthayo."
19Akuhlangani ukwaphuka kwakho; inxeba lakho lelibulalayo. Bonke abazivayo iindaba zakho babetha izandla ngawe; ngokuba ngubani na ezingadlulanga phezu kwakhe izinto zakho ezimbi ngamaxesha onke?"
You have read Nahum 3
19 verses