Lumina
Micah

Israel's Repentance and God's Mercy

Micah 7·Xhosa Bible

1Athi ke mna! Kuba ndisuke ndaba njengokuhlanganiswa kweziqhamo zasehlotyeni, njengokubhikicwa kweediliya; akukho sihloko sakudliwa; akukho khiwane liqalelayo, linqwenelwayo ngumphefumlo wam."

2Udakile owenceba, akabakho ehlabathini; akasekho nothe tye phakathi koluntu; bonke bephela balalela igazi, elowo uzingela umzalwana wakhe ngomnatha."

3Izandla zabo zozibini zisentweni embi ukuba ziyifeze; uthi umthetheli acele ngegunya, umgwebi enzele umvuzo; omkhulu yena uthetha ububi bomphefumlo wakhe; benjenjalo ke ukuyiphotha."

4Olungileyo kubo unjengomtholo, othe tye ugqithisele nakuthango lweminga; iyeza imini yababoniseli bakho, yokuvelelwa kwakho, kubekho ngoku ukudideka kwabo."

5Musani ukukholwa nguwenu, ningakholosi ngekholwane; nakolele esifubeni sakho, zigcine iingcango zomlomo wakho."

Micah 7 illustration - Micah Chapter 7

6Ngokuba unyana umenza isidenge uyise, intombi isukela phezulu kunina, umolokazana kuninazala; iintshaba zomntu ngabantu bendlu yakhe."

7Mna ke ndiya kuqwalasela kuYehova; ndiya kulindela kuThixo wokusindiswa kwam; uya kundiva uThixo wam."

8Musa ukundivuyelela, lutshaba lwam; kuba, ndiwile nje, ndiya kubuya ndivuke; kuba, ndihleli emnyameni nje, uYehova uya kuba kukukhanya kum."

9Ukujala kukaYehova ndiya kukuthwala, kuba ndonile kuye, ade andithethelele etyaleni lam, andilungisele; uya kundikhuphela ekukhanyeni; ndiya kububona ubulungisa bakhe."

10Ke utshaba lwam luya kubona, lugutyungelwe kukudana, obe lusithi kum, Uphi na uYehova, uThixo wakho? Amehlo am aya kulubona; kungoku luya kunyathelwa njengodaka lwezitrato."

Micah 7 illustration - Micah Chapter 7

11Iyeza imini yokwakhiwa kweendonga zakho; ngaloo mini uya kuba kude ummiselo."

12Ngaloo mini boza kuwe, bevela eAsiriya nasemizini yaseYiputa, bethabathela eYiputa, bade base kuwo uMlambo; bethabathela elwandle, base elwandle; bethabathela entabeni base entabeni."

13Kuya kuba senkangala elizweni, ngenxa yabemi balo, ngenxa yeziqhamo zeentlondi zabo."

14Yalusa abantu bakho ngentonga yakho, iigusha zelifa lakho, ezihleli zodwa, ehlathini phakathi kweKarmele; mazidle eBhashan nakwelaseGiliyadi, ngokweemini zasephakadeni."

15Ngokweemini zokuphuma kwakho ezweni laseYiputa, ndiya kubabonisa imisebenzi ebalulekileyo."

Micah 7 illustration - Micah Chapter 7

16Iintlanga ziya kubona, zibudanele ubugorha bazo bonke; ziya kubeka isandla emlonyeni, iindlebe zazo ziya kuba zizithulu."

17Ziya kukhotha uthuli njengenyoka, njengezinambuzane zehlabathi; ziya kuphuma zigungqa ekuvingcelweni kwazo; ziya kuya zinkwantya kuYehova uThixo wethu, zoyike phambi kwakho."

18Ngubani na onguThixo onjengawe, oxolela ubugwenxa, adlule esikreqweni samasalela elifa lakhe? Akawugcini unaphakade umsindo wakhe; kuba yena uthanda ukwenza inceba."

19Wobuya abe nemfesane kuthi, abunyathelele phantsi ubugwenxa bethu; woziphosa ezinzulwini zolwandle zonke izono zabo."

20Uya kumnika uYakobi inyaniso, umnike uAbraham inceba, owabafungela yona oobawo kususela kwimihla yamandulo."

Chapter Complete

You have read Micah 7

20 verses