Lumina
Joshua

Inheritance of Judah

Joshua 15·Xhosa Bible

1Ke kaloku iqashiso lwesizwe soonyana bakaYuda, ngokwemizalwane yabo, lasinga emdeni wakwaEdom, entlango yeTsin ngasezantsi, ekupheleni komzantsi."

2Umda wabo wasezantsi wathabathela ekupheleni koLwandle lweTyuwa, encamini ebheka ezantsi."

3Waphuma, wasinga ngezantsi ekunyukeni kweAkrabhim, wegqitha waya eTsin, wenyuka waya ngasezantsi kweKadeshe-bharneha, wegqitha waya eHetseron, wenyuka waya eAdare, wajika waya eKarka;"

4wegqitha waya eAtsemon, wema ngomlanjana waseYiputa, ukuma komda wema ngolwandle. Nguwo lowo umda wenu wangasezantsi."

5Umda wasempumalanga luLwandle lweTyuwa, use ekupheleni kweYordan. Umda wecala langasentla wathabathela encamini yolwandle, ekupheleni kweYordan;"

Joshua 15 illustration - Joshua Chapter 15

6wenyuka umda waya eBhete-hogela, wegqitha waya emantla eBhete-arabha, wajika umda waya etyeni likaBhohan unyana kaRubhen."

7Wenyuka umda waya eDebhiri, uvela entilini yeAkore, wabheka entla eGiligali, malunga nokunyuka kweAdumin ngasezantsi komlanjana; wegqitha apho waya emanzini ase-En-shemeshe, ukuma kwawo wema nge-En-rogele."

8Wenyuka umda ngomfula woonyana bakaHinom, waya egxalabeni lowamaYebhusi ngasezantsi: yiYerusalem ke leyo; wenyuka umda waya encotsheni yentaba ephambi komfula wakwaHinom, ngasentshonalanga, osekuphekeni kwentili yamaRafa ngasentla."

9Wahlaba umda, wathabathela encotsheni yentaba, waya emthonjeni wamanzi aseNefetowa, waphuma waya emizini yasentabeni kaEfron, wahlaba waya eBhahala: yiKiriyati-yeharim ke leyo."

10Wajika umda eBhahala ngasentshonalanga, waya entabeni yakwaSehire, wegqitha waya egxalabeni leHar-yeharim ngasentla: yiKesalon ke leyo; wehla waya eBhete-shemeshe, wegqitha waya eTimna."

Joshua 15 illustration - Joshua Chapter 15

11Waphuma umda waya egxalabeni le-Ekron ngasentla, wahlaba umda waya eShikron, wegqitha waya entabeni yeBhahala, wema ngeYabheneli umda waya wema ngolwandle."

12Umda wasentshonalanga lulwandle olukhulu nommandla walo. Nguwo lowo umda woonyana bakaYuda ngeenxa zonke, ngokwemizalwane yabo."

13UKalebhi unyana kaYefune wamnika isabelo phakathi koonyana bakaYuda, ngokutsho kukaYehova kuYoshuwa: umzi ka-Arbha uyise ka-Anaki ngowaseHebron ke lowo,"

14Wabagqogqa apho uKalebhi oonyana bobathathu baka-Anaki, uSheshayi noAhiman noTalemayi, inzalo ka-Anaki."

15Wenyuka khona waya kubemi baseDebhiri; igama leDebhiri laliyiKiriyati-sefere ngenxa engaphambili."

Joshua 15 illustration - Joshua Chapter 15

16Wathi uKalebhi, Othe wayibulala iKiriyati-sefere, wayithimba, ndomnika intombi yam, uAkesa, ibe ngumkakhe."

17Wayithimba uOteniyeli unyana kaKenazi, umzalwana kaKalebhi; wamnika ke intombi yakhe, uAkesa, yangumkakhe."

18Kwathi ekuzeni kwayo, yamvuselela ukuba acele umhlaba kuyise wayo; yehla e-esileni layo. Wathi uKalebhi kuyo, Yintoni na?"

19Yathi, Ndinike into, ngokuba undinike umhlaba ongenamanzi; ndinike nemithombo yamanzi. Wayinika ke imithombo yasentla, nemithombo yasezantsi."

20Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaYuda ngokwemizalwane yabo."

Joshua 15 illustration - Joshua Chapter 15

21Imizi ethabathele ekupheleni kwesizwe soonyana bakaYuda, yesa emdeni wakwaEdom ezantsi, yabe iyiKabhetseli, ne-Edere, neYagure,"

22neKina, neDimona, neAdada,"

23neKedeshe, neHatsore, neItenan,"

24iZifi, neTelem, neBhehaloti,"

25neHatsore-hadata, neKeriyoti-hetseron (yiHatsore ke leyo);"

Joshua 15 illustration - Joshua Chapter 15

26iAmam, neShema, neMolada,"

27neHatsare-gada, neHeshmon, neBhete-palete,"

28neHatsare-shuwale, neBher-shebha, neBhiziyoteya;"

29iBhahala, neIyim, ne-Etsem,"

30ne-Elitoladi, neKezili, neHorma,"

Joshua 15 illustration - Joshua Chapter 15

31neTsikelage, neMademana, neSanesana,"

32neLebhawoti, neShilehim, neAyin, neRimon: yonke loo mizi imashumi mabini anesithoba nemizana yayo."

33Esihlanjeni: yiEshtawoli, neTsora, neAshna,"

34neZanowa, ne-En-ganim, iTapuwa, ne-Enam;"

35iYarmuti, neAdulam, iSoko, neAzeka,"

Joshua 15 illustration - Joshua Chapter 15

36neShaharim, neAditayim, neGedera, neGederotayim: imizi elishumi elinamine inemizana yayo."

37ITsenan, neHadasha, neMigedali yakwaGadi,"

38neDilan, neMizpa, neYoketeli;"

39iLakishe, neBhitsekati, ne-Eglon,"

40neKabhon, neLamasi, neKitilishe,"

Joshua 15 illustration - Joshua Chapter 15

41neGederoti, iBhete-dagon, neNahama, neMakeda: imizi elishumi elinamithandathu inemizana yayo."

42ILibhena, ne-Etere neAshan,"

43neIfeta, neAshna, neNetsibhi,"

44neKehila, neAkezibhi, neMaresha: imizi esithoba inemizana yayo."

45IEkron, namagxamesi ayo, nemizana yayo;"

Joshua 15 illustration - Joshua Chapter 15

46kwathabathela e-Ekron ngasentshonaganga, yonke esecaleni leAshdode, nemizana yayo."

47IAshdode, namagxamesi ayo, nemizana yayo; iGaza namagxamesi ayo, nemizana yayo, kwesa kumlanjana weYiputa, nolwandle olukhulu, nommandla walo."

48Esezintabeni: yiShamire, neYatire, neSoko,"

49neDana, neKiriyati-sana (yiDebhiri ke leyo);"

50neAnabhi, ne-Eshtemo, neAnim,"

Joshua 15 illustration - Joshua Chapter 15

51neGoshen, neHolon, neGilo: imizi elishumi elinamnye, inemizana yayo."

52IArabhi, neDuma, ne-Eshan,"

53neYanim, neBhete-tapuwa, neAfeka,"

54neHumta, neKiriyati ka-Arbha (yiHebron ke leyo); neTsihore: imizi esithoba inemizana yayo."

55IMahon, iKarmele, neZifi, neYuta,"

Joshua 15 illustration - Joshua Chapter 15

56neYizereli, neYokedam, neZanowa;"

57iKayin, iGibheha, neTimna: imizi elishumi inemizana yayo."

58IHalehule, iBhete-tsure, neGedore,"

59neMaharati, neBhete-anoti, ne-Elitekon: imizi emithandathu inemizana yayo."

60IKiriyati-bhahali (yiKiriyati-yeharim ke leyo) neRabha: imizi emibini inemizana yayo."

Joshua 15 illustration - Joshua Chapter 15

61Esentlango yiBhete-arabha, iMidin, neSekaka,"

62neNibheshan, noMzi weTyuwa, ne-Engedi: imizi emithandathu inemizana yayo."

63Ke amaYebhusi, abengabemi baseYerusalem, ababanga nako ukuwagqogqa oonyana bakaYuda; ahlala amaYebhusi noonyana bakaYuda eYerusalem nanamhla."

Chapter Complete

You have read Joshua 15

63 verses