Lumina
Job

Job Responds to Bildad

Job 9·Xhosa Bible

1Waphendula uYobhi, wathi,"

2Okwenene, ndiyazi ukuba kunjalo; Ke angathini na umntu lo ukuba lilungisa phambi koThixo?"

3Ukuba uthe yena wafuna ukubambana naye, Ubengemphenduli namnye umbuzo kweliwaka."

4Ulumkile ngentliziyo, ukhaliphile ngamandla: Ngubani na okha agogotye kuye, aze asinde?"

5Uloshenxisa iintaba zingazi, Ukuba azibhukuqe ngomsindo wakhe;"

Job 9 illustration - Job Chapter 9

6Ulogungqisa ihlabathi, lisuke endaweni yalo, Zididizele iintsika zalo;"

7Ulothetha elangeni lingaphumi, Azitywine, azivingce, iinkwenkwezi ngeenxa zonke;"

8Ulotwabulula ixulu eyedwa, Anyathele emimangweni yolwandle;"

9Ulowenza iinkwenkwezi zeBhere, namaKroza, nesiLimela, Neengontsi zasezantsi."

10Ulowenza izinto ezinkulu ezingenakugocwagocwa, Nemisebenzi ebalulekileyo engenakubalwa."

Job 9 illustration - Job Chapter 9

11Yabona, udlula phezu kwam, ndingamboni; Uthi phe, ndingamqondi,"

12Yabona, exwila, ngubani na ongamnqandayo? Ngubani na ongathi kuye, Wenza ntoni na?"

13UThixo akawunqandi umsindo wakhe; Bayasibekeka phantsi kwakhe abancedi bakaRahabhi."

14Ndingathini na ke mna ukumphendula, Ndiwakhethe amazwi am okuphendula kuye?"

15Nokuba bendililungisa mna, bendingemphenduli; Ndingatarhuzisa kuphela kumgwebi wam."

Job 9 illustration - Job Chapter 9

16Ukuba bendithe ndabiza, wandiphendula, Bendingekholwa ukuba ulibekele indlebe ilizwi lam;"

17Kanye ubeya kundityumza ngoqhwithela, Awandise amanxeba am ngelize,"

18Angandiphi nokuba ndiphefumle; Ke ubeya kundihluthisa ngobukrakra."

19Ukuba yinto yamandla ekhalipha, uthi, Ndim okhoyo! Ukuba yinto yomgwebo, uthi, Ngubani na oya kundimema?"

20Ukuba bendithe ndalilungisa, umlomo wam ubuya kundigweba; Ukuba bendithe ndagqibelela, ubeya kundenza umjibilizi."

Job 9 illustration - Job Chapter 9

21Ndigqibelele; andiwukhathalele umphefumlo wam; Ndiyabucekisa ubomi bam."

22Kunye oko; ngenxa yoko ndithi, Ogqibeleleyo nongendawo uyabatshabalalisa."

23Ukuba iziniya ithe yabulala ngesiquphe, Uya kugculela ukuqotywa kwabamsulwa."

24Ihlabathi linikelwe esandleni sabangendawo; Uyabugqubuthela ubuso babagwebi balo. Ukuba kanti akunjalo, kwenziwe ngubani na ke?"

25Imihla yam ikhawuleze ngaphezu kwesigidimi; Ibalekile, ayibonanga kulungileyo;"

Job 9 illustration - Job Chapter 9

26Ithe phe njengemikhombe yeengcongolo, Njengokhozi luxwila ixhoba."

27Ndakuthi, Ndiya kuyilibala inkalazo yam, Ndibuyeke ubuso bam, ndincumeze,"

28Ndisuka ndinxunguphale ziimbulaleko zam zonke, Ndazi ukuba akuyi kuthi ndimsulwa."

29Kuthiwa ndingongendawo mna; Yini na le nto ndifumana ndizixhamla?"

30Nokuba bendithe ndazihlamba ngamanzi ekhephu, Ndazihlambulula izandla zam ngesepha,"

Job 9 illustration - Job Chapter 9

31Ubuya kundithi gxwa emhadini, Ndibe lisikizi nakwiingubo zam."

32Kuba akamntu yena, njengam nje, ukuba ndimphendule, Siye ndawonye ematyaleni."

33Akukho mahluli phakathi kwethu, Wokubeka isandla sakhe phezu kwethu sobabini."

34Makayisuse intonga yakhe kum, Isothuso sakhe masingandidandathekisi:"

35Ndothetha ke ndingamoyiki; Kuba andivi kunjalo mna eluvalweni lwam."

Chapter Complete

You have read Job 9

35 verses