Lumina
Job

Bildad's First Speech

Job 8·Xhosa Bible

1Wasusela uBhiledadi wakwaShuwa, wathi,"

2Kunini na uthetha izinto ezinje? Engumoya omkhulu amazwi omlomo wakho?"

3UThixo angakwenza gwenxa na okusesikweni? USomandla angabenza gwenxa na ubulungisa?"

4Ukuba abantwana bakho bathe bamona yena, Wabanikela esandleni sesikreqo sabo;"

5Ukuba uthe wamfuna ngenkuthalo uThixo wena, Watarhuzisa kuSomandla;"

Job 8 illustration - Job Chapter 8

6Ukuba uthe wacoceka, wathi tye wena, Okunene, wovuka ngoku ngenxa yakho, Alisikelele ikhaya lobulungisa bakho;"

7Kuthi ukuqala kwakho kube kuyinto encinane, Ukuphuma kwakho kube kukhulu kakhulu."

8Kuba khawubuze kwisizukulwana saphambili; Uxunele ekugocagoceni kooyise baso:"

9Kuba singabezolo thina, asinakwazi; Ngokuba isisithunzi imihla yethu ehlabathini."

10Abayi kukuyala na abo, bathethe kuwe. Barhole amazwi entliziyweni yabo? bathi,"

Job 8 illustration - Job Chapter 8

11Iyakhula na imikhanzi, kungekho mgxobhozo? Iyahluma na ingcobo, kungekho manzi?"

12Iseluhlaza, ingekaphiwa, Yoyiphangela ingca yonke ngokoma."

13Unjalo umendo wabo bonke abamlibalayo uThixo, Nethemba lomkhohlisi liyadaka;"

14Ngokuba ukugasa kwakhe kuyanqunyulwa; Yindlu yesigcawu ukukholosa kwakhe."

15Wayama ngendlu yakhe, ingemi; Ubambelela kuyo, ingahlali."

Job 8 illustration - Job Chapter 8

16Uluhlaza phambi kwelanga, Namagatya akhe ayaqabela eludongeni lwentsimi yakhe;"

17Iingcambu zakhe zijijene emweweni, Utyhudisa ezingcambeni zamatye."

18Ukuba uthe wamginya endaweni yakhe, Yomkhanyela ithi, Andikubonanga."

19Yabona, yiyo le imihlali yendlela yakhe, Ize eluthulini kuntshule abanye."

20Yabona, uThixo akamcekisi ogqibeleleyo, Akababambi ngesandla abenzi bobubi."

Job 8 illustration - Job Chapter 8

21Uya kuwuzalisa umlomo wakho ngokuhleka, Nemilebe yomlomo wakho ngokuduma:"

22Abakuthiyayo baya kwambatha ukudana, Ingabi sabakho intente yabangendawo,"

Chapter Complete

You have read Job 8

22 verses