Lumina
Job

Behemoth

Job 40·Xhosa Bible

1UYehova wamphendula uYobhi, wathi,"

2Wobambana noSomandla na ke umthethiswa? Umohlwayi kaThixo makakuphendule oko."

3UYobhi wamphendula uYehova, wathi,"

4Yabona, ndiphantsi. Ndothini na ukuphendula? Ndibeka isandla sam emlonyeni wam."

5Ndithethile kwakanye, andiyi kuphinda ndiphendule; Ndithethile kwakabini, andiyi kuphinda ndibuye ndiqhube."

Job 40 illustration - Job Chapter 40

6UYehova wamphendula uYobhi, esemoyeni ovuthuzayo, wathi,"

7Khawuzibhinqise amanqe akho njengomfo; Ndiya kukubuza, undazise."

8Kanene uya kwaphula nogwebo lwam na, Undigwebe, ukuze ube lilungisa?"

9Unengalo enjengekaThixo na, Ududume ngezwi njengaye?"

10Khawuzihombise ke ngobungangamsha nokuphakama kwakho, Wambathe indili nobungangamela."

Job 40 illustration - Job Chapter 40

11Makuphalale ukuphuphuma komsindo wakho, Ulibone lonke ikratshi, uligungxule."

12Libone lonke ikratshi, ulithobe, Ubangqule abangendawo ezindaweni zabo."

13Baqhusheke eluthulini kunye, Ububophe ubuso babo emfihlekweni."

14Nam ndokudumisa, Ukuba sikusindisile isandla sakho sokunene."

15Khawuyibone imvubu endayenza yanawe: Idla utyani njengenkomo."

Job 40 illustration - Job Chapter 40

16Khawubone, amandla ayo asemanqeni ayo, Nokuqina kwayo kusezinyameni zesisu sayo."

17Igoba umsila wayo njengomsedare, Imisipha yamathanga ayo ibhijelene."

18Amathambo ayo anjengemibholompo yobhedu, Amathambo ayo anjengemivalo yesinyithi."

19Iyintlahlela yeendlela zikaThixo; UMenzi wayo wayinika ikrele layo."

20Ngokuba iintaba ziyithwalela ukudla, Onke amarhamncwa asendle adlala khona."

Job 40 illustration - Job Chapter 40

21Ibutha phantsi kwemitholo, Engcotyeni yeengcongolo nomgxobhozo."

22Imitholo iyigubungela ngomthunzi wayo; Imingculuba yesihlambo iyayijikeleza."

23Yabona, uhamba phandle umlambo, ayiphakuzeli; Ikholosile, xa kutyhobozela neYordan emlonyeni wayo."

24Inokubanjwa na, inamehlo nje, Igqojozwe impumlo ngentsimbi yokuthiyela?"

Chapter Complete

You have read Job 40

24 verses