1Inene, ngale nto iyagubha intliziyo yam, Ixhume endaweni yayo."
2Phulaphulani, phulaphulani ukuguguma kwelizwi lakhe, Nokudumzela okuphumayo emlonyeni wakhe."
3Ukusingisa ngaphantsi kwezulu lonke, Nombane wakhe uye emasondweni ehlabathi."
4Emva kwawo kubhonga ilizwi; Ududuma ngezwi lobungangamsha bakhe; Akawulibazisi, xa livakalayo izwi lakhe."
5UThixo ududuma ngezwi lakhe ngokubalulekileyo, Esenza izinto ezinkulu esingenakuzazi."

6Kuba uthi kwikhephu, Yiwa uwele emhlabeni; Nakwisiphango semvula, Nakwisiphango seemvula ezinkulu zakhe."
7Isandla soluntu lonke uyasitywina asivingcele, Ukuba babe nokwazi bonke abantu abenzileyo."
8Amarhamncwa angena emlaleleni, Ahlale ezikhundleni zawo."
9Engontsini yasentla kuvela isaqhwithi; Kumphephethi wasentla kuvela ukubanda."
10Ngokuphefumla kukaThixo kuza umkhenkce, Ububanzi bamanzi bucutheke."

11Kananjalo usindanisa ilifu ngamanzi amaninzi; Uphangalalisa amafu akhe abanekayo."
12Wona ajikajika ngeenxa zonke ngokwalathiswa nguye, Ukuze enze konke awawamisela khona Ebusweni behlabathi elimiweyo;"
13Nokuba kungenxa yokubetha, nokuba kungenxa yehlabathi lakhe, Nokuba kungenxa yenceba, uyawafikisa."
14Oko kubekele indlebe, Yobhi; Yima, uyigqale imisebenzi ebalulekileyo kaThixo."
15Uyazi na ukuwathwesa kukaThixo amafu akhe, Nokubengezelisa kwakhe ukubaneka kwawo?"

16Uyazi na ukulinganiselwa kwamafu, Imisebenzi ebalulekileyo yoSokwazi?"
17Wena ungubo zifudumeleyo, Lakuzola ilizwe lulophu lwasezantsi;"
18Usikhanda usolule naye na isibhakabhaka, Esiqinileyo njengesipili esityhidiweyo?"
19Sazise esingakuthethayo thina kuye; Asinakucacisa nto ngenxa yobumnyama."
20Wobikelwa na ukuthi ndiyathetha? Umntu uthi makaginywe na?"

21Ke ngoku akubonwa kukhanya Kukhazimlayo, kusesibhakabhakeni; Kudlula umoya, lise."
22Entla kuziwa negolide; Phezu koThixo yindili eyoyikekayo."
23USomandla asinakumfumana, mkhulu ngamandla; Akagwenxi siko nabuninzi bobulungisa."
24Ngako oko bayamoyika abantu; Akabakhathalele bonke abalumke ngokwabo."
You have read Job 37
24 verses