Lumina
Job

Elihu's Final Speech

Job 36·Xhosa Bible

1Waqokela uElihu, wathi,"

2Khawenze kuhle, ndikutyele; Kuba kusekho ukuthetha okusingisele kuThixo."

3Ndiya kukuphakamisela entweni ekude ukwazi kwam, Ndimnike ubulungisa uMenzi wam."

4Okwenene, akubuxoki ukuthetha kwam; Ogqibeleleyo ngokwazi uphambi kwakho."

5Yabona, uThixo unamandla, akacekisi bani; Unamandla ngokuqina kwengqondo."

Job 36 illustration - Job Chapter 36

6Akamlondolozeli ebomini ongendawo; Iintsizana uzinika ibango lazo."

7Akawasusi amehlo akhe kwabangamalungisa; Ubahlalisa kunye nookumkani etroneni Ngonaphakade, baphakame ke."

8Ukuba bakhonkxiwe ngemixokelelwane, Bebanjiwe ngezintya zeentsizi,"

9Ubaxelela izenzo zabo Nezikreqo zabo; ngokuba bezenza amagorha."

10Uzityhilela intethiso iindlebe zabo; Uthi mababuye ebutshingeni."

Job 36 illustration - Job Chapter 36

11Ukuba bathe beva, bamkhonza, Boyigqiba imihla yabo ekulungeni, Neminyaka yabo ebumnandini."

12Ukuba bathe abeva, bogqithela emkhontweni, Baphume umphefumlo bengenakwazi."

13Ke abaziintshembenxa ngentliziyo babamba umsindo; Abazibiki xa abakhonkxayo;"

14Ufe ke ebuncinaneni umphefumlo wabo, Nobomi babo bube bobeng’awu kwindawo engcwele."

15Uyamhlangula olusizana ngeentsizi zakhe, Ayityhile indlebe yakhe ngokuxinwa kwabo."

Job 36 illustration - Job Chapter 36

16Nawe ubengakukhululayo yena emlonyeni wembandezelo, Akuse endaweni ebanzi, emzantsi ungacuthekileyo; Nokubekwa etafileni yakho kuzale kukutyeba."

17Ke wena uzele kukugweba kwabangendawo; Ukugweba nokugwetywa kunako ukukubamba."

18Kuba ubushushu mabungakuxhokonxeli ekutyhwakrazeni izandla, Nobukhulu bocamagusho mabungathi gu bucala."

19Ukuzibika kwakho kokubeka ngaphandle kwembandezelo na, Nemigushanxa yonke yamandla?"

20Musa ukuzonda ubusuku Bokususa izizwe esikhundleni sazo."

Job 36 illustration - Job Chapter 36

21Lumka, ungaguqukeli konobutshinga; Kuba unyule loo nto kuneentsizi."

22Yabona, uThixo uphakamise ukwenza ngamandla akhe; Ngubani na umyali onjengaye?"

23Ngubani na omphathise indlela yakhe; Ngubani na ongathi, Wenze ngobugqwetha?"

24Khumbula ukuba uwukhulise ngendumiso umsebenzi wakhe, Awuhlabele ingoma amadoda."

25Bonke abantu bayawubona; Umntu uwukhangela emgama."

Job 36 illustration - Job Chapter 36

26Yabona, uThixo mkhulu, asimazi; Inani leminyaka yakhe aligocagoceki."

27Kuba utsalela phantsi amathontsi amanzi, Achaphaze eyimvula enkungwini yakhe,"

28Esiyinisayo isibhakabhaka, Ivuze phezu kwabantu abaninzi."

29Kanene baya kuqonda na ukwanekwa kwamafu, Nokuzongoma komnquba wakhe?"

30Yabona, waneka phezu kwakhe ukukhanya kwakhe, Azigubungele ngamazantsi olwandle."

Job 36 illustration - Job Chapter 36

31Kuba ngezo nto ugqweba izizwe, Unika ukudla ngento eninzi."

32Izandla zozibini uzigubungela ngombane, Awuwisele umthetho ngokochanayo."

33Ukugquma kwakhe kuyamxela, Kwaneenkomo, ukuba uza kunyuka."

Chapter Complete

You have read Job 36

33 verses