Lumina
Job

Job Remembers Better Days

Job 29·Xhosa Bible

1Wahambisa uYobhi ukuphakamisa umzekeliso wakhe, wathi,"

2Yoo! Andaba bendineenyanga ezinjengezaphambili, Njengemihla abendigcinile uThixo;"

3Xa ukukhanya kwesibane sakhe bekuphezu kwentloko yam, Xa ngokukhanya kwakhe bendibuhamba ubumnyama;"

4Njengoko bendinjalo ngemihla yam yokwindla, Oko ukucweya kukaThixo bekuphezu kwentente yam;"

5Oko uSomandla ebesenam, Bengeenxa zonke kum abantwana bam;"

Job 29 illustration - Job Chapter 29

6Oko ebehlanjwa amabanga am ngamasi, Iliwa lindithululela imijelo yeoli."

7Xa ekuphumeni ngesango bendinyuka ukuya kuwo umzi, Ndimise isihlalo sam endaweni yembutho,"

8Andibona amadodana, azimela, Asuka amaxhego, ema."

9Abathetheli bakuyeka ukukhuluma, Babeka isandla emlonyeni."

10Ilizwi leenganga lazimela, Nolwimi lwazo lwanamathela ekhuhlangubeni azo,"

Job 29 illustration - Job Chapter 29

11Kuba indlebe yeva, yathi ndinoyolo; Iliso labona, landingqinela."

12Kuba bendisiza iintsizana ezizibikayo, Neenkedama, noswele umncedi."

13Intsikelelo yabadakayo ibindizela, Nentliziyo yomhlolokazi bendiyimemelelisa."

14Ubulungisa bendibambatha bundambathe; Lwaba njengengubo yokwaleka nonkontsho ugwebo lwam."

15Bendingamehlo kwimfama, Bendiziinyawo kwisiqhwala;"

Job 29 illustration - Job Chapter 29

16Bendinguyise kumahlwempu, Netyala lendingabaziyo bendiligocagoca."

17Bendiwaphula amabamba ogqwethayo, Bendilikhupha emazinyweni akhe ixhoba."

18Ndathi ke, Ndiya kuphuma umphefumlo kunye nendlu yam, Ndiyandise imihla yam njengentaka engafiyo."

19Ingcambu yam iya kuvulelwa amanzi, Ulale umbethe emasebeni am."

20Uzuko lwam luya kuhlala lulutsha kum, Sihlaziyeke isaphetha sam esandleni sam."

Job 29 illustration - Job Chapter 29

21Babendiphulaphula, balindele, Bathi tu ecebeni lam."

22Emva kwelizwi lam babengaphindi bathethe, Kubachaphazele ukukhuluma kwam."

23Babendilinda njengemvula, Imilomo yabo bayakhamisele eyasekwindla."

24Bendibancumela, bencamile; Ukukhanya kobuso bam bangakusanganisi."

25Bendibanyulela indlela, ndihlale ndiyintloko; Bendihlala njengokumkani phakathi komkhosi, Njengothuthuzela abenza isijwili."

Chapter Complete

You have read Job 29

25 verses