Lumina
Job

Job's Integrity

Job 27·Xhosa Bible

1Wahambisa uYobhi, waphakamisa umzekeliso wakhe, wathi,"

2Ehleli nje uThixo, olisusileyo ibango lam, USomandla, owenze krakra umphefumlo wam"

3(Kuba kusekum ukuphefumla kwam konke, Nomoya kaThixo usemathatheni am),"

4Umlomo wam awuthethi bugqwetha, Nolwimi lwam aluxeli nkohliso."

5Makube lee kum ukuthi, niyalungisa; Ndoda ndiphume umphefumlo, ndingayisusi kum ingqibelelo yam."

Job 27 illustration - Job Chapter 27

6Ndobambelela ebulungiseni bam, andiyi kubuyeka; Intliziyo yam ayiyi kungcikiva mini eziminini zam."

7Malube njengongendawo utshaba lwam, Nosukela phezulu kum abe njengogqwethayo."

8Kuba liyintoni na ithemba lentshembenxa, xa athe wawunqumla, Xa athe wawurhola uThixo umphefumlo wayo?"

9Wokuva na uThixo ukululahlamba kwayo, Xa ifikelwe yimbandezelo?"

10Khona inokuziyolisa na ngoSomandla? Ingamnqula na uThixo ngamaxesha onke?"

Job 27 illustration - Job Chapter 27

11Ndiya kuniyala ngokusingisele esandleni sikaThixo; OkunoSomandla andiyi kukukhanyela."

12Yabonani, nonke niphela ngokwenu nikubonile; Yini na ke ukuba nithethe into engento yakonto?"

13Siso esi isabelo somntu ongendawo kuThixo, Nelifa labaziingqwangangqwili, abalamkelayo kuSomandla."

14Ukuba bathe banda oonyana bakhe, bandiselwa ikrele; Nabaphume embilinini wakhe abahluthi kukutya."

15Amaqongqolo akhe aya kungcwatywa kukufa, Abahlolokazi bakhe bangalili."

Job 27 illustration - Job Chapter 27

16Ukuba uthe wafumba isilivere njengothuli, Wazilungisela izambatho njengodaka:"

17Angazilungisa, koko ziya kwambathwa lilungisa, Nesilivere leyo babelane ngayo abamsulwa."

18Uyakha indlu yakhe njengenundu, Njengephempe elenziwe yimboniseli."

19Ulala phantsi esisityebi, akaphindi; Uvula amehlo akhe, angabikho."

20Kumthabatha njengamanzi ukukhwankqa, Simbe ebusuku isaqhwithi."

Job 27 illustration - Job Chapter 27

21Luyamfukula ulophu lwasempumalanga, emke, Lumqweqwedise endaweni yakhe."

22UThixo umgibisela angamcongi; Usibaleka asibaleke isandla sakhe."

23Bamtyhwakrazela izandla, Bamenzele umsondlo, emke endaweni yakhe."

Chapter Complete

You have read Job 27

23 verses