Lumina
Job

Job's Reply

Job 26·Xhosa Bible

1Waphendula uYobhi, wathi,"

2Utheni na wena ukumnceda ongenamandla, Nokuyisindisa ingalo engenamandla?"

3Utheni na ukumcebisa ongenabulumko, Ukumazisa kunene into eyiyo?"

4Uxelele bani na ukuthetha? Kukuphefumla kukabani na okuphume kuwe?"

5Abangasekhoyo bayazibhijabhija Ngaphantsi kwamanzi, nabemi bawo."

Job 26 illustration - Job Chapter 26

6Lize elabafileyo phambi kwakhe, Ayinasigubungelo inzonzobila."

7Ulaneka izulu langasentla enyanyeni, Axhome ihlabathi phezu kokungeni."

8Ubopha amanzi emafini akhe, Lingagqabhuki ilifu ngaphantsi kwawo."

9Uvingca umphambili wetrone, Aneke ilifu lakhe phezu kwayo."

10Uzunguleza ubuso bamanzi ngomda, Kuse ekupheleni kokukhanya nobumnyama."

Job 26 illustration - Job Chapter 26

11Iintsika zamazulu ziyanyenganyenga, Zingakhulumi kukukhalima kwakhe."

12Ngamandla akhe ugxobhagxobha ulwandle, Ngengqondo yakhe uqoba uRahabhi."

13Ngomoya wakhe wenza ukuba lise izulu; Isandla sakhe sayihlaba inyoka enyebelezayo."

14Yabona, ngamancam eendlela zakhe lawo; Iyini na ke intsebezo yelizwi esiyivayo ngaye? Ke yona indudumo yemisebenzi yobugorha bakhe ingaqondwa ngubani na?"

Chapter Complete

You have read Job 26

14 verses