Lumina
Job

Job Longs for God

Job 23·Xhosa Bible

1Waphendula uYobhi, wathi,"

2Nanamhlanje inkalazo yam ineenkani, Isandla sam sinzima phezu kokugcuma kwam."

3Yoo! Andaba bendisazi apho ndingamfumana khona, Ndize esihlalweni sakhe!"

4Bendiya kulicacisa phambi kwakhe ityala lam, Ndiwuzalise umlomo wam ngeziganeko."

5Andaba bendikwazi ukuthetha abeya kundiphendula ngako, Ndiyiqonde into abeya kuyithetha kum."

Job 23 illustration - Job Chapter 23

6Wobambana nam ngamandla amakhulu na? Hayi! Kodwa ke wondigqala."

7Oko othe tye ubeya kubonisana naye, Ndisinde kumgwebi wam, kuphele."

8Yabona, ndisinga phambili, angabikho; Nangasemva, ndingamnakani;"

9Ngasekhohlo, ekusebenzeni kwakhe, ndingamalami; Xa atyekela ngasekunene, ndingamboni."

10Kuba uyayazi indlela enam; Endicikidile, bendiya kuphuma njengegolide."

Job 23 illustration - Job Chapter 23

11Unyawo lwam lubambe umkhondo wakhe, Ndayigcina indlela yakhe, andathi gu bucala."

12Emthethweni wemilebe yomlomo wakhe andisukanga; Ndiwabekile amazwi omlomo wakhe kunowam ummiselo."

13Ke yena umi ndaweni-nye, ngubani na ongambuyisayo? Umphefumlo wakhe ukhanukile, uya kwenza oko."

14Kuba uya kukufeza oko ndikumiselweyo; Zininzi ke izinto ezinje kuye."

15Ngenxa yoko ndikhwankqiswe ebusweni bakhe. Ndakukugqala, ndisuka ndinkwantye nguye."

Job 23 illustration - Job Chapter 23

16UThixo uyiqobisile intliziyo yam. USomandla undikhwankqisile."

17Kuba andibhangiswanga ngenxa yobumnyama, Nangenxa yobuso bam obugutyungelwe sisithokothoko."

Chapter Complete

You have read Job 23

17 verses