Lumina
Job

Job Replies

Job 21·Xhosa Bible

1Waphendula uYobhi, wathi,"

2Yivani, nikuve ukuthetha kwam; Kube ziintuthuzelo zenu oku."

3Ndithwaleni, ndithethe nam; Nigculele emva kwamazwi am."

4Mna, inkalazo yam isemntwini yini na? Khona bekungani ukuba ungazekaneki umoya wam?"

5Bhekani kum, nimangaliswe; Bekani isandla emlonyeni."

Job 21 illustration - Job Chapter 21

6Okunene, ndakukhumbula, ndisuka ndikhwankqiswe, Nenyama yam ibanjwe kukududuzela."

7Yini na ukuba abangendawo badle ubomi, Babe badala, kananjalo bomelele, babe namandla?"

8Imbewu yabo iqinile phambi kwabo, inabo; Nabaphume embilinini wabo basemehlweni abo."

9Izindlu zabo zinoxolo, kungekho kunkwantya, Nentonga kaThixo ayibafikeli."

10Inkunzi yabo iyazeka ingahlohleli; Imazi yabo iyazala ingaphunzi."

Job 21 illustration - Job Chapter 21

11Bayawakhuphela njengomhlambi amakhwenkwe abo, Nabantwana babo bayadloba."

12Baphakamisa ilizwi benengqongqo nohadi, Bavuye lilizwi logwali."

13Bayayigqiba imihla yabo ngokuchwayitha, Behle ngephanyazo ukuya kwelabafileyo."

14Bathi kuThixo, Suka kuthi, Asikunanzile ukuzazi iindlela zakho."

15Uyini na uSomandla, ukuba simkhonze? Kusinceda ntoni na ukumjoka?"

Job 21 illustration - Job Chapter 21

16Yabona, azisesandleni sabo izinto zabo ezilungileyo; Iqhinga labangendawo malibe lee kum."

17Kukangaphi na ke isibane sabangendawo sicinywa? Kubafikela ukusindeka kwabo? Ababele uThixo izintya ngomsindo wakhe?"

18Babe njengengca enqunqiweyo phambi komoya, Njengomququ ohlaselwa sisaqhwithi?"

19Nithi, UThixo ububekela abantwana babo ubutshinga babo. Makabuphindezele kubo ngokwabo, bazi bona;"

20Makayibone inkxwaleko yabo amehlo abo, Babusele ubushushu boSomandla."

Job 21 illustration - Job Chapter 21

21Ngokuba bayinanze ngani bona indlu yabo emva kwabo, Lakuqhitshulwa inani leenyanga zabo?"

22Uya kufundiswa ukwazi uThixo na, Lowo ugweba abaphezulu?"

23Omnye ufa emandleni okwakhe ukuphila, Onwabile kanye, echulumachile."

24Iimvaba zakhe zizele ngamasi, Nomongo wamathambo akhe utyebile."

25Omnye ufa ukrakra umphefumlo wakhe, Engadlanga zinto zilungileyo."

Job 21 illustration - Job Chapter 21

26Balala ndawonye eluthulini, Iimpethu ziyabagubungela bobabini."

27Yabona, ndiyazazi iingcinga zenu, Namayelenqe enindigonyamela ngawo."

28Xa nithi, Iphi na indlu yesibhovubhovu? Iphi na intente ebalulekileyo yabangendawo?"

29Anibuzanga na kwabadlula ngendlela? Imiqondiso yabo ninako na ukuyikhanyela?"

30Ukuba ngemini yokusindeka wanqandwa ongendawo, Ngemini yokuphuphuma umsindo wemkiswa?"

Job 21 illustration - Job Chapter 21

31Ngubani na ongaxela ebusweni bakhe indlela yakhe? Enze into yena, ngubani na oya kuphindezela kuye?"

32Usiwa emangcwabeni yena, Alinde esigangeni."

33Anencasa kuye amagada esihlambo; Emva kwakhe kulandela lonke uluntu, Nangaphambi kwakhe belungenakubalwa."

34Ningathini na ke ukundithuthuzela ngeento ezingento, limpendulo zenu zisele zibubumenemene nje?"

Chapter Complete

You have read Job 21

34 verses