Lumina
Job

Bildad's Second Speech

Job 18·Xhosa Bible

1Waphendula uBhiledadi wakwaShuwa, wathi,"

2Kunini na nikuzingela ukuthetha? Qondani, sothetha emveni koku."

3Yini na ukuba kuthiwe sinjengeenkomo, Sibe ziinqambi emehlweni akho?"

4Wena uziqwengayo ngomsindo wakho, Liya kushiywa ihlabathi ngenxa yakho, lingamiwa na? Likhwelele iliwa endaweni yalo?"

5Noko nokukhanya oku kongendawo kuya kucinywa, Lingabi mhlophe ilangatye lomlilo wakhe."

Job 18 illustration - Job Chapter 18

6Ukukhanya kuya kwenziwa mnyama ententeni yakhe, Nesibane sakhe sicinywe phezu kwakhe."

7Ukunyantsula kwakhe kuya kuxinwa, Limphose phantsi kwaelakhe iqhinga."

8Kuba uqhutyelwe emnatheni ziinyawo zakhe, Uhamba phezu kwesibatha."

9Umgibe umbambisa ngesithende, Limbambise isango."

10Lufihliwe emhlabeni ulutya lwakhe, Ukuthiwa hlasi kwakhe kusengqushwini."

Job 18 illustration - Job Chapter 18

11Uyadandathekiswa ngeenxa zonke kukukhwankqisa, Kumbhebhethe, kuthane mbende naye."

12Amandla akhe aya kuphela kukulamba, Ukusindeka kulungiselwe ukujingxela kwakhe."

13Kudla iziqendu zolusu lwakhe; Udla iziqendu zakhe owamazibulo wokufa."

14Iyancothuka ententeni yakhe inkoloseko yakhe, Ahanjiselwe kukumkani wokukhwankqisa."

15Kuhleli ententeni yakhe izinto zasemzini; Kugcwayelwa isulfure ekhayeni lakhe."

Job 18 illustration - Job Chapter 18

16Ngaphantsi ziya koma iingcambu zakhe, Ngaphezulu abune amasebe akhe."

17Isikhumbuzo sakhe siya kudaka ehlabathini, Angabi nagama nasemaphandleni."

18Baya kumtyhala ekukhanyeni, aye ebumnyameni, Aphekuzwe kwelimiweyo."

19Akayi kuba nanyana nanzala ebantwini bakowabo, Kungabikho usindileyo emizini yakhe."

20Bomangaliswa yimini yakhe abahleli entshonalanga, Nabasempumalanga babanjwe kukuba namanwele."

Job 18 illustration - Job Chapter 18

21Inene, injalo iminquba yabanobugqwetha, Injalo indawo yongamaziyo uThixo."

Chapter Complete

You have read Job 18

21 verses