Lumina
Job

Job's Despair Continues

Job 17·Xhosa Bible

1Umoya wam wonakele, imihla yam icinyiwe, Into yam ngamangcwaba."

2Inene ndiyinto abadlala ngayo, Neliso lam lilibele ziinkani zabo."

3Khawubeke into, undimele; Ngubani na yena oya kubambana nam ngesandla?"

4Ngokuba intliziyo yabo uyifihlele ukuqiqa; Ngenxa yoko akuyi kubaphakamisa."

5Unikela abahlobo ukuba babe ngamaxhoba, Amehlo abantwana bakhe aze aphelelwe."

Job 17 illustration - Job Chapter 17

6Undimise ndaba ngumzekeliso ezizweni; Ndaba ngotshicelwa ebusweni."

7Laza lanorhatyazo iliso lam kukukhathazeka; Amalungu am aba njengesithunzi onke ephela."

8Bamangaliswa abathe tye yile nto; Omsulwa uyazixhokonxa ngenxa yentshembenxa."

9Ke olilungisa ubambe indlela yakhe, Ozandla zihlambulukileyo uya ekhalipha."

10Kodwa nina nonke, buyani, khanize; Andiyi kufumana silumko phakathi kwenu."

Job 17 illustration - Job Chapter 17

11Imihla yam idlule, zijaciwe izigqibo zam, Amafa entliziyo yam."

12Bathi ubusuku yimini; Ukukhanya kusondele, xa kuza kuba mnyama."

13Ukuba ndithe ndathemba, ndithembe elabafileyo, indlu yam; Ndandlala umandlalo wam emnyameni;"

14Ukuba ndithe kukubola, Ungubawo; Ndathi kwimpethu, Unguma, ungudade wethu:"

15Liphi na ke ngoku ithemba lam? Ithemba lam, ngubani na owolibona?"

Job 17 illustration - Job Chapter 17

16Liya kuhla liye emivalweni yelabafileyo, Xa siphumla kunye eluthulini."

Chapter Complete

You have read Job 17

16 verses