Lumina
Job

Job Replies

Job 16·Xhosa Bible

1Waphendula uYobhi, wathi,"

2Ndive izinto ezininzi ezinjengezo; Ningabathuthuzeli abayindinisa, nonke niphela."

3Aphelile na amazwi angumoya? Uxhokonxwa yintoni na, ukuba uphendule?"

4Nam ndibe ndingathethayo njengani. Ukuba umphefumlo wenu ubusendaweni yomphefumlo wam. Ndibe ndinganiqukela ukuthetha, Ndinihlunguzele intloko;"

5Ndibe ndinganikhaliphisa ngomlomo wam, Nokukhuza komlomo wam kulunqande usizi lwenu."

Job 16 illustration - Job Chapter 16

6Nokuba ndithe ndathetha, awunqandwa umvandedwa wam; Nokuba ndithe ndayeka, kumka ntoni na kum?"

7Hayi, ngoku undidinisile; Uliphanzisile lonke ibandla lam."

8Undintshwenyisile, kwaba lingqina oko; Kwandimela ukubhitya kwam, Kwaphendula ebusweni bam."

9Umsindo wakhe wandiqwenga, wanditshutshisa; Uditshixizele amenyo akhe; Engumbandezeli wam, uwenze abukhali amehlo akhe kum."

10Bandakhamele umlomo; Ngengcikivo bandibetha ezidleleni; Bonke bayathelelana ukundichasa."

Job 16 illustration - Job Chapter 16

11UThixo wandinikela kumakhwenkwe, Wandijulela ezandleni zabangendawo."

12Ndibi ndichulumacha, wandivithavitha, Wandibamba ngentamo, wandihlekeza, Wandimisa ndaba yitekeni kuye."

13Bandirhawula abatoli bakhe, Wazityanda izintso zam, engenalufefe, Wayiphalazela emhlabeni inyongo yam."

14Wandenza iinduma ngeenduma, Wandigila njengegorha."

15Ndathungela iingubo ezirhwexayo enkwaneni yolusu lwam, Ndalugquba ngothuli uphondo lwam."

Job 16 illustration - Job Chapter 16

16Ubuso bam bubomvu kunene kukulila, Phezu kweenkophe zam lithunzi lokufa;"

17Nakuba kungekho kugonyamela ezandleni zam, Uqaqambile umthandazo wam."

18Mhlaba, musa ukuliselela igazi lam, Kungabi nasikhundla ukuhlahlamba kwam."

19Nangoku, yabona, lisemazulwini ingqina lam; Ondivumelayo usezindaweni eziphezulu."

20Abandigxekayo ngabethu aba; Iliso lam liyengezela kuThixo,"

Job 16 illustration - Job Chapter 16

21Ukuba alungisele umfo kuThixo, Ahlule phakathi komntu nommelwane wakhe."

22Kuba iminyaka embalwa iza kudlula, Ndihambe ke umendo endingayi kubuya ngawo."

Chapter Complete

You have read Job 16

22 verses