Lumina
Job

Job's Confidence

Job 13·Xhosa Bible

1Yabona, konke oko likubonile iliso lam, Yakuva indlebe yam, yakuqonda."

2Njengoko nazi ngako, ndiyazi nam; Andiwi nganeno kwenu."

3Kodwa mna ndinga ndingathetha kuSomandla, Ndifuna ukuzihlamba kuThixo."

4Kodwa ke nina ningabadyobha ngobuxoki, Ningamagqirha angento nonke niphela."

5Anaba benithe tu kanye; Nibe niya kuba nilumkile."

Job 13 illustration - Job Chapter 13

6Khaniphulaphule ke ukuzihlamba kwam, Ukuphika komlomo wam nikubazele indlebe."

7UThixo niya kumthethelela ngobugqwetha na, Nimthethelele ngenkohliso na?"

8Niya kumnonelela na, Niphikele uThixo na?"

9Kolunga na xa athe wanigocagoca? Ninokumgculela na, njengokuba enokugculelwa umntu?"

10Wonohlwaya inene, Ukuba nithe ngasese nanonelela umntu."

Job 13 illustration - Job Chapter 13

11Ubungangamela bakhe abuyi kunidandathekisa na, Kuniwele ukunkwantyisa kwakhe?"

12Izikhumbuzo zenu yimizekeliso yothuthu; Iingqolo zenu zoba ziingqolo zodaka."

13Yithini tu! Ndiyekeni, ukuze ndithethe, Kundihlele okundihlelayo."

14Kungani na ukuba ndiyiphathe inyama yam ngamenyo am, Umphefumlo wam ndiwubeke ezandleni zam?"

15Yabona, nokuba uthe wandibulala, ndolindela kuye; Kodwa ndozihlamba iindlela zam ebusweni bakhe."

Job 13 illustration - Job Chapter 13

16Kwaoko koba lusindiso kum: Okuba intshembenxa ingayi kuza ebusweni bakhe."

17Yivani, nikuve ukuthetha kwam, Nengxelo yam, ngeendlebe zenu."

18Khanibone, ndilicacisile ityala lam; Ndiyazi ukuba ndiya kugwetyelwa mna."

19Ngubani na ke ongabambana nam? Kuba bendiya kuthi tu kaloku, ndiphume umphefumlo."

20Kodwa izinto ezimbini musa ukuzenza kum, Ndize ndingazisithelisi ebusweni bakho:"

Job 13 illustration - Job Chapter 13

21Isandla sakho sise kude kum, Nesothuso sakho singandidandathekisi."

22Biza ke, ndisabele mna; Mhlawumbi ndithethe, undiphendule."

23Zingaphi na izenzo ezigwenxa, nezono zam? Ndazise isikreqo sam, nesono sam."

24Yini na ukuba ubusithelise ubuso bakho, Ube ndilutshaba kuwe?"

25Uya kungcangcazelisa ugxothe igqabi eliphetshethwayo na, Usukele umququ owomileyo na?"

Job 13 illustration - Job Chapter 13

26Ngokuba uzibhalela kum izinto ezikrakra, Undidlisa ilifa lezenzo ezigwenxa zobutsha bam;"

27Uzifaka esitokisini iinyawo zam, Uwugqala wonke umendo wam; Uzikrwelela umda ojikelezayo izithende zeenyawo zam:"

28Mna lo, uhageleyo njengevithi, Njengengubo edliwe ngamanundu."

Chapter Complete

You have read Job 13

28 verses