Lumina
Isaiah

Stubborn Israel

Isaiah 48·Xhosa Bible

1Yivani oko, ndlu kaYakobi, nibizwayo ngegama likaSirayeli, naphumayo emanzini kaYuda; nina nilifungayo igama likaYehova, nimkhankanye uThixo kaSirayeli, kungenganyaniso, kungengabulungisa."

2Ngokuba bazibiza ngokuthi ngabomzi ongcwele, bazixhase ngoThixo kaSirayeli, ogama lakhe linguYehova wemikhosi."

3Izinto zangaphambili ndazixela kwanini; zaphuma emlonyeni wam, ndazibonakalalisa; ndazenza ngesiquphe, zabakho."

4Ngokukwazi kwam ukuba ulukhuni, nentamo yakho ingumsipha wesinyithi, nebunzi lakho lilubhedu,"

5ndakuxelela ezo zinto kwanini; zingekafiki ndakuvisa, hleze uthi, Isithixo sam sizenzile, umfanekiso wam oqingqiweyo notyhidiweyo uzimisile."

Isaiah 48 illustration - Isaiah Chapter 48

6Uvile; sikhangele zonke ziphela; wena ke akunakuzixela na? Ndiya kukuvisa izinto ezintsha, ezifihlakeleyo, obungazazi."

7Zidalwa ngoku, azidalwanga kwanini; ingekabikho le mini, ubungaziva; hleze uthi, Yabona, bendizazi."

8Ubungaziva; ubungazazi; ibingavulekile indlebe yakho kwanini. Kuba bendisazi ukuba unginiza unginizile; ukubizwa kwakho kuthiwa ungumkreqi kwasesizalwani."

9Ngenxa yegama lam ndizeka kade ukuba nomsindo, nangenxa yendumiso yam ndiyawubamba ngakuwe, ukuze ndingakunqumli."

10Uyabona, ndikunyibilikisile, akwaba ngokwesilivere; ndakucikida ezikweni leentsizi."

Isaiah 48 illustration - Isaiah Chapter 48

11Ndikwenza oko ngenxa yam, ngenxa yam (hayi, ukuhlanjelwa kwegama lam!); andiluniki wumbi uzuko lwam."

12Phulaphula kum, Yakobi, Sirayeli, mbizwa wam; ndim, ndingowokuqala, ewe, ndingowokugqibela."

13Ewe, isandla sam siseke ihlabathi, esokunene sam saneke izulu; ndithi ndakuzibiza ezo zinto, zime kunye."

14Zihlanganiseni, nonke niphela, nive; ngubani na phakathi kwezithixo owazixelayo ezo zinto? Umthandwa kaYehova uya kukwenza ukuthanda kwakhe kwiBhabheli, nengalo yakhe ikwenze kumaKaledi."

15Mna nditshilo, ewe, ndimbizile, ndimzisile; inempumelelo indlela yakhe."

Isaiah 48 illustration - Isaiah Chapter 48

16Sondelani kum, nive oku. Kwasekuqaleni andithethanga entsithelweni; kususela kwixesha lokwenzeka kwako oko, ndilapha; nangoku iNkosi uYehova indithumile, mna noMoya wayo."

17Utsho uYehova, umkhululi wakho, oyiNgcwele kaSirayeli, ukuthi, Mna Yehova, Thixo wakho, ndingokufundisa okungakuncedayo, ndikunyathelise ngendlela oya kuhamba ngayo."

18Akwaba imithetho yam ubuyibazele indlebe! Beluya kuba njengomlambo uxolo lwakho, nobulungisa bakho bube njengamaza olwandle;"

19ibiya kuba njengentlabathi imbewu yakho, abaphuma ezibilinini zakho babe njengamasuntsu ayo belingayi kunqunyulwa litshabalale igama labo ebusweni bam."

20Phumani eBhabheli, sabani kwelamaKaledi; kuxeleni ninelizwi lokumemelela, kuvakaliseni oku, kuhlabeleni kuye naseziphelweni zehlabathi; yithini, UYehova umkhulule ngokumhlawulela umkhonzi wakhe uYakobi."

Isaiah 48 illustration - Isaiah Chapter 48

21Abanxanwanga, ebahambisa engqaqasini; wabatsitsisela amanzi eweni, wacanda iliwa, atsaza amanzi."

22Akukho luxolo kwabangendawo, utsho uYehova."

Chapter Complete

You have read Isaiah 48

22 verses