Lumina
Isaiah

Idols of Babylon

Isaiah 46·Xhosa Bible

1UBhele uyaguqa, uNebho uya bhanyalaza; izithixo zabo zibekwe emaqegwini nasezinkomeni ezitsalayo; ezi nibe nizithwala zibotshiwe, zingumthwalo kwizinto ezityhafileyo."

2Izithixo zabhanyalaza, zaguqa kunye, azaba nakuzisiza ekuthwaleni, ke inkqu yazo yaya ekuthinjweni."

3Phulaphulani kum, ndlu kaYakobi, nonke masalela endlu kaSirayeli, nina nabekwayo phezu kwam kwasesiswini, nina nathwalwayo ndim kwasesizalweni;"

4kude kuse ebudaleni ikwandim, kude kuse ezimvini ndiya kunityatha emagxeni mna. Ndikwenzile mna; ndiya kunithwala mna, ndiya kunityatha emagxeni mna, ndinisize."

5Ninokundifanisa, nindilinganise, nindinxulumise nabani na, ukuba sifane?"

Isaiah 46 illustration - Isaiah Chapter 46

6Bona bawohloza igolide engxoweni, balinganise isilivere ngesikali; baqesha umnyibilikisi, ayenze isithixo; basibekeke, ewe, baqubude."

7Bayasithwala, basityathe emagxeni, basibeke phantsi endaweni yaso, sime; asibuyi sisuke kuloo ndawo yaso; ewe, bayakhala kuso, singaphenduli; asisindisi bani embandezelweni yakhe."

8Khumbulani oko, nibe ngamadoda; kunyamekeleni ngentliziyo, nina bakreqileyo."

9Khumbulani izinto zangaphambili, zasephakadeni, okokuba ndinguThixo, akukho wumbi; ndinguThixo, akukho namnye unjengam;"

10ukuxelayo kwasekuqaleni okungasemva, nakwabamandulo okungekenzeki, ndisithi, Icebo lam liya kuma, ndikwenze konke ukuthanda kwam;"

Isaiah 46 illustration - Isaiah Chapter 46

11ndibiza ukhozi empumalanga, indoda yecebo lam ezweni elikude; nditshilo, ewe, ndiya kukufeza; ndiyilile, ewe, ndiya kukwenza."

12Phulaphulani kum, nina bantliziyo ilukhuni, bakude nobulungisa."

13Ndisondeza ubulungisa bam, abuyi kuba kude; nosindiso lwam aluyi kulibala; ndinika usindiso eZiyon, uzuko lwam kuSirayeli."

Chapter Complete

You have read Isaiah 46

13 verses