Lumina
Isaiah

Song of Trust

Isaiah 26·Xhosa Bible

1Ngaloo mini kuya kuvunywa le ngoma ezweni lakwaYuda, ithi, Yinqaba umzi wethu thina; umisa iidonga nongqameko zibe lusindiso."

2Vulani amasango, lungene uhlanga olunobulungisa, olugcine ukuthembeka."

3Intliziyo ezimasekileyo uyayilondoloza, ixole ixolile; ngokuba ikholose ngawe."

4Kholosani ngoYehova ngonaphakade; kuba uYa, uYehova, uliliwa elingunaphakade."

5Ngokuba uthulele phantsi abahleli phezulu; umzi oyingxonde uwugungxule wawugungxulela emhlabeni, wawufikisa eluthulini."

Isaiah 26 illustration - Isaiah Chapter 26

6Ziyawunyasha iinyawo, iinyawo zeentsizana, amanyathelo ezisweli."

7Umendo wamalungisa ulungelelene; wena uyawulinganisela umkhondo wamalungisa, ulungelelane."

8Kakade, Yehova, sibe sikulindile, ukuba uze emendweni wemigwebo yakho; umnqweno womphefumlo wethu wasinga egameni lakho, nasekukukhumbuleni."

9Nangomphefumlo wam ndakunqwenela ebusuku; inene, ngomoya wam phakathi kwam ndakufuna kwakusasa; ngokuba xenikweni imigwebo yakho ibhekiswe ehlabathini, baya kufunda ubulungisa abemi belimiweyo."

10Nokuba uthe wababalwa ongendawo, akafundi bulungisa; nasezweni labathe gca uyagqwetha; akabuboni ubungangamsha bukaYehova."

Isaiah 26 illustration - Isaiah Chapter 26

11Yehova, sibe siphakamile isandla sakho, ababona; ke baya kulibona ikhwele lakho ngenxa yabantu, badane; ewe, umlilo mawubadle ababandezeli bakho."

12Yehova, uya kusimisela uxolo; ngokuba nezenzo zethu zonke usisebenzele."

13Yehova Thixo wethu, iinkosi ezingenguwe bezinobukhosi phezu kwethu; kodwa sikhankanya igama lakho ngawe wedwa."

14Abafileyo abo abasayi kuba saphila; abangasekhoyo abo abasayi kuba savuka; ngoko ke ubavelele wabatshabalalisa, wakwenza kwadaka konke ukukhunjulwa kwabo."

15Ulwandisile uhlanga, Yehova, ulwandisile uhlanga; uzizukisile; uzikhwelelisele kude iziphelo zelizwe."

Isaiah 26 illustration - Isaiah Chapter 26

16Yehova, embandezelweni baquqela kuwe, bathulula umthandazo ngelizwi eliphantsi ekubathethiseni kwakho."

17Njengomithiyo eza kuzala, ezibhijabhija, ekhaliswa yinimba, saba njalo phambi kwakho, Yehova."

18Sibe simithi, sibe sizibhijabhija, sanga sizele umoya. Asilenzelanga sindiso ilizwe, abaphumanga abemi belimiweyo."

19Abafileyo bakho baya kuphila; izidumbu zakowethu ziya kuvuka. Vukani, nimemelele, nina bahleli eluthulini; kuba ngumbethe wezikhanyiso umbethe wakho, nehlabathi liya kubakhupha abangasekhoyo."

20Hambani, bantu bam, ningene ezingontsini zenu, nivale iingcango zenu ngasemva kwenu, nizimele umzuzwana, kude kudlule ukubhavuma."

Isaiah 26 illustration - Isaiah Chapter 26

21Kuba, yabona, uYehova uphuma endaweni yakhe, ukuze abuvelele kubo ubugwenxa babemi behlabathi; ihlabathi lowatyhila amagazi alo, lingabi sabaselela ababuleweyo balo."

Chapter Complete

You have read Isaiah 26

21 verses