Lumina
Isaiah

Burden of the Desert

Isaiah 21·Xhosa Bible

1Isihlabo esisingisele kwintlango yaselwandle. Njengezaqhwithi zasezantsi zikhukula, kuphuma into entlango, ezweni eloyikekayo."

2Ndiboniswe umbono olukhuni: inginingini linginiza, umbhuqi ebhuqa. Nyuka, Elam; ngqinga, Madayi; ukuncwina kwabo konke ndiya kuphelisa."

3Ngenxa yoko azele amanqe am kukuzibhijabhija, inimba indifikele njengenimba yozalayo; ndiyapenapena, andiva; ndikhwankqile, andiboni."

4Intliziyo yam iyadinga, ukududuzela kundidandathekisile; ungcwalazi, into endiyilangazelelayo, ulwenze into endigubhisayo."

5Kulungiswa isithebe, kuboniselwa umboniselo, kuyadliwa, kuyaselwavukani, bathetheli, thambisani iingweletshetshe."

Isaiah 21 illustration - Isaiah Chapter 21

6Ngokuba itsho kum iNkosi, ukuthi, Yiya umise umboniseli, athi akubona into aze kuyixela."

7Wabona umkhoko wabakhweli, abamahashe bengababini, nabakhweli bamaesile, nabakhweli beenkamela; wabaza iindlebe, wazibaza kakhulu kunene."

8Wadanduluka ngelengonyama, esithi, Nkosi, kususela koko ndimi emboniselweni emini, ndizimisile esigxineni sam ubusuku ngobusuku."

9Ke, yabona, kweza umkhoko wamadoda, abamahashe bengababini. Wasusela wathi, Iwile, iwile iBhabheli; yonke imifanekiso eqingqiweyo yoothixo bayo uyaphulele emhlabeni."

10Wena, nto yam ibhuliweyo, ngqolowa yesanda sam, endikuvileyo kuYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ndikuxelile kuni."

Isaiah 21 illustration - Isaiah Chapter 21

11Isihlabo esisingisele kothe cwaka. Omemeza kum ekwelakwaSehire, uthi, Mlindi, kuxa liphi na ebusuku? mlindi, kuxa liphi na ebusuku?"

12Uthi umlindi, Kuyeza ukusa, kwanobusuku. Ukuba niyabuza, buzani; buyani, yizani."

13Isihlabo esisingisele kwelaseArabhi. KwelaseArabhi niya kulalisa emxawukeni, nina mikhoko yamaDedan."

14Baziseleni amanzi abanxaniweyo; nina, bemi bakwaTema, nibakhawulele ngesonka abaphalaphalayo."

15Ngokuba baphalaphaliswa ngamakrele, amakrele athiwe kruthu, nasisaphetha esityhidiweyo, nayimfazwe enzima."

Isaiah 21 illustration - Isaiah Chapter 21

16Ngokuba iNkosi itshilo kum ukuthi, Kwakulo mnyaka, njengeminyaka yomqeshwa, buya kuphela ubuqaqawuli bonke bakwaKedare;"

17abe mbalwa amasalela enani lezaphetha zamagorha, oonyana bakaKedare; ngokuba uYehova uThixo kaSirayeli uthethile."

Chapter Complete

You have read Isaiah 21

17 verses