1Isihlabo esisingisele kuMowabhi. Kuba ngobusuku iAri yakwaMowabhi ibhuqiwe, yadaka; kuba ngobusuku ibhuqiwe iKire yakwaMowabhi, yathi shwaka."
2Banyuke baya endlwini naseDibhon, ezigangeni, besiya kulila; phezu kweNebho naphezu kweMedebha uMowabhi uyabhomboloza; zonke iintloko zichetyiwe, zonke iindevu ziguyiwe."
3Ezitratweni zakhe babhinqa ezirhwexayo; phezu kwezindlu zakhona, nasezindaweni zeembutho zakhona, bonke bephela bayabhomboloza, besithi ngxa iinyembezi."
4Iyakhala iHeshbhon ne-Elale, lide laya kuvakala naseYahazi izwi labo; ngenxa yoko abaxhobileyo bakwaMowabhi benza isijwili, umphefumlo wabo uyajijitheka kubo."
5Intliziyo yam iyakhala ngokubona uMowabhi, omivalo ide yesa eTsohare, elithokazi elilizibulokazi; kuba banyuka eqhineni laseLuhiti belila; kuba endleleni yaseHoronayim bakhaliswa kukwaphulwa kwabo;"

6kuba amanzi aseNimrim athe qoko; kuba bubunile utyani, luphelile uhlaza, awukho umfuno."
7Ngenxa yoko intwana ebisele, ababeyenzile, ababeyiqwebile, bayayithwala bayiweze esihlanjeni semingculuba."
8Kuba isikhalo siwuzungulezile umda wakwaMowabhi; ukubhomboloza kwakhe kwesa e-Eglayim, kwesa naseBhere-elim ukubhomboloza kwakhe."
9Kuba amanzi aseDimon azele ligazi; ngokuba iDimon ndiyimisela ezinye izinto ezimbi; abasindileyo bakwaMowabhi nabaseleyo emhlabeni ndibamisela ingonyama."
You have read Isaiah 15
9 verses