Lumina
Hosea

Sown the Wind

Hosea 8·Xhosa Bible

1Beka isigodle emlonyeni wakho. Utshaba luyirhiwula indlu kaYehova njengexhalanga; ngenxa yokuba bewugqithile umnqophiso wam, bakreqa kumyalelo wam."

2Baya kukhala kum, bathi, Thixo wethu, siyakwazi, thina Sirayeli."

3Iyanuka kuSirayeli into elungileyo; utshaba malumsukele."

4Bamise ookumkani, bengaveli kum; benze abathetheli, ndingazi mna; isilivere yabo negolide yabo bayenze izithixo, ukuze inqanyulwe."

5Ithole lakho liyanuka, Samari: umsindo wam uyavutha kubo; kunini na bengakwazi ukuziphatha msulwa?"

Hosea 8 illustration - Hosea Chapter 8

6Ngokuba nalo elo liphuma kwaSirayeli; lenziwe yingcibi, aliThixo lona; ke liya kucoleka ithole lakwaSamari."

7Ngokuba behlwayele umoya, baya kuvuna isaqhwithi. Akukho zimba kuwo; isithombo asenzi sikhwebu; nokuba besithe saba naso, besiya kudliwa ngabasemzini."

8Uginyiwe uSirayeli; ngoku basezintlangeni njengempahla engananziweyo."

9Kuba bona banyuke baya eAsiriya, njenge-esile lasendle lihamba lilodwa, lahlukile; ke yena uEfrayim uziqeshile izitharudane."

10Nakuba beqesha nokuqesha ezintlangeni, ndiya kubabutha ngoku, baqale banciphe ngenxa yomthwalo wokumkani wabathetheli."

Hosea 8 illustration - Hosea Chapter 8

11Kuba uEfrayim uzandisile izibingelelo zokona; kuye izibingelelo zaba zezokona."

12Ndimbhalela into eninzi yemiyalelo yam; bayicingela into engento."

13Imibingelelo yezipho zam bayayibingelela, bayidla ngokwenyama; ke ayakholeka kuYehova; ngokunje uya kubukhumbula ubugwenxa babo, azivelele izono zabo; baya kubuyela bona eYiputa."

14Kuba uSirayeli wamlibala uMenzi wakhe, wakha amabhotwe; uYuda wayandisa imizi enqatyisiweyo. Ke mna ndiya kuthumela umlilo emizini yakhe, uzidle iingxande zakhe ezinde."

Chapter Complete

You have read Hosea 8

14 verses