Lumina
Hosea

Israel's Insincere Repentance

Hosea 6·Xhosa Bible

1Yizani sibuyele kuYehova; kuba eqwengile, wosiphilisa; uxabele, wosibopha."

2Wosidlisa ubomi, kwakuba ntsuku mbini; wosiphakamisa ngolwesithathu, sidle ubomi phambi kwakhe."

3Masikwazi ke, masikusukele ukumazi uYehova; ukuphuma kwakhe kuqinisekile njengokuphuma kwesifingo, ukuba eze kuthi njengemvula, njengemvula evuthisayo, elinyakamisayo ilizwe."

4Mandikuthini na, Efrayim? Mandikuthini na, Yuda? Uthando lwenu lunjengelifu lomso, lunjengombethe ophela kwakusasa."

5Ngenxa yoko ndibaxozile ngabaprofeti, ndababulala ngamazwi omlomo wam; ukuze umgwebo wam uphume njengokukhanya."

Hosea 6 illustration - Hosea Chapter 6

6Ngokuba ndinonelele uthando, andinonelele mbingelelo; ndinonelele ukwazi uThixo, ngaphezu kwamadini anyukayo."

7Ke bona bawugqithile umnqophiso njengoAdam, banginiza kum apho."

8IGiliyadi ngumzi wabasebenzi bobutshinga; uzele yimikhondo yegazi."

9Bunjengokulalelwa kwendoda ngamatutu ubudlelane bababingeleli; bayancinitha endleleni eya kwaShekem, ewe, benze amanyala."

10Endlwini kaSirayeli ndibone into ebanga amanwele; apho uEfrayim uyahenyuza, uSirayeli uzenza inqambi."

Hosea 6 illustration - Hosea Chapter 6

11Kananjalo wena Yuda, umiselwe uvuno, ekukubuyiseni kwam ukuthinjwa kwabantu bam."

Chapter Complete

You have read Hosea 6

11 verses