Lumina
Ezekiel

Against Tyre

Ezekiel 26·Xhosa Bible

1Kwathi ngomnyaka weshumi elinamnye, ngolokuqala enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,"

2Nyana womntu, ngenxa enokuba iTire isithi ngeYerusalem, Tshotsho! lwaphukile ucango lwezizwe; luvulekele kum; ndiya kuchuma mna, ibe linxuwa yona!"

3ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndikuchasile, Tire. Ndiya kukunyusela iintlanga ezininzi, njengokuba ulwandle lunyusa amaza alo;"

4ziziqhuqhe iindonga zaseTire, zizigungxule iinqaba zakho ezinde. Ndolutshayela uthuli lwayo kuyo, ndiyenze ibe yingxondorha ebalelelwe lilanga."

5Iya kuba yindawo yokwanekela iminatha phakathi kolwandle; ngokuba ndithethile, itsho iNkosi uYehova; ibe lixhoba leentlanga."

Ezekiel 26 illustration - Ezekiel Chapter 26

6Namagxamesi ayo asemaphandleni aya kubulawa ngekrele; bazi ukuba ndinguYehova."

7Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, iTire ndiya kuyizisela uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, evela entla, ukumkani wookumkani, enamahashe neenqwelo zokulwa, nabakhweli, nesikhungu sabantu, nabantu abaninzi."

8Amagxamesi akho asemaphandleni uya kuwabulala ngekrele, akumisele inqaba yokubonisela, afumbe kuwe udonga lokungqinga, akumisele ikhusi lamakhaka;"

9abhekise ezindongeni zakho iimpahla zakhe zokutyhomfa, azidilize iinqaba zakho ezinde ngeentsimbi zakhe."

10Ngenxa yoninzi lwamahashe akhe, uthuli lwawo luya kukugubungela; iindonga zakho ziya kunyikima ngenxa yesandi sabakhweli, neseevili, neseenqwelo zokulwa, ekungeneni kwakhe ngamasango akho, njengabangena emzini oqhekezwayo."

Ezekiel 26 illustration - Ezekiel Chapter 26

11Ngamanqina amahashe akhe uya kuzigqusha izitrato zakho zonke; uya kubabulala abantu bakho ngekrele, iintsika zakho ezinamandla aziwise emhlabeni."

12Baya kubuthimba ubutyebi bakho, bayiphange into orhweba ngayo, bazigunguxule iindonga zakho, bazidilize izindlu zakho ezinqwenelekayo, bawatshonise emanzini amatye akho, nemithi yakho, nothuli lwakho."

13Ndoluphelisa ulwandile lweengoma zakho, singabi saviwa isandi seehadi zakho."

14Ndokwenza ube yingxondorha ebalelelwe lilanga; uya kuba yindawo yokwaneka iminatha. Akusayi kuba sakhiwa; ngokuba mna Yehova ndithethile; itsho iNkosi uYehova."

15Itsho iNkosi uYehova kwiTire, ukuthi, Aziyi kunyikima na iziqithi ngenxa yesithonga sokuwa kwakho, ekuncwineni kwabangxwelerhiweyo, ekubulaweni kwabaphakathi kwakho?"

Ezekiel 26 illustration - Ezekiel Chapter 26

16Ziya kuhla ezitroneni zabo bonke abazizikhulu zolwandle, bazisuse iingubo zabo zokwaleka, bazihlube iingubo zabo ezimfakamfele; bambathe ukugubha, bahlale phantsi emhlabeni, bagubhe ngamaphanyazo onke, bamangaliswe nguwe."

17Baya kukuphakamisela isijwili, bathi kuwe, Yoo! Utheni na ukudaka, wena ubumiwe ngabeelwandle, wena mzindini udumileyo, owawomelele elwandle, wona nabemi bawo, obe ubaqhiphukisa umbilini abemi bawo bonke!"

18Ngoku ziyagubha iziqithi ngomhla wokuwa kwakho, zikhwankqiswe iziqithi eziselwandle ngenxa yokuphela kwakho."

19Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekukwenzeni kwam ube ngumzi olinxuwa, njengemizi engasamiweyo; ekuwanyuseni kwam phezu kwakho amanzi anzongonzongo, akugubungele amanzi amaninzi:"

20ndiya kukuhlisela kwabahle baya emhadini, ndikuse ebantwini basendaleni, ndikuhlalise ezweni langaphantsi, emanxuweni asendaleni nabahle baya emhadini, ukuze ungamiwa; ndenze ubukhazikhazi ezweni labahleliyo."

Ezekiel 26 illustration - Ezekiel Chapter 26

21Ndokwenza ube sisikhwankqiso, ungabikho; bakufune, bangabi sakufumana naphakade; itsho iNkosi uYehova."

Chapter Complete

You have read Ezekiel 26

21 verses