Lumina
Ezekiel

Lament for Israel's Princes

Ezekiel 19·Xhosa Bible

1Wena ke, yenza isijwili ngezikhulu zakwaSirayeli, uthi,"

2Uyintoni na unyoko? Ingonyamakazi, ebuthume phakathi kweengonyamakazi, ewondlela amathole ayo phakathi kweengonyama ezintsha."

3Yakhulisa elinye ematholeni ayo, laba yingonyama entsha, lafunda ukuqwenga iinyamakazi; ladla abantu."

4Iintlanga zahlaba umkhosi ngalo, labanjiswa emhadini wazo; zalisa ezweni lamaYiputa, lifakwe amakhonkco."

5Yakubona ingonyamakazi ukuba aliphumeleli, lidakile ithemba layo, yathabatha elinye ematholeni ayo, yalenza ingonyama entsha."

Ezekiel 19 illustration - Ezekiel Chapter 19

6Lahambahamba phakathi kweengonyamakazi, laba yingonyama entsha, lafunda ukuqwenga iinyamakazi; labadla abantu."

7Labazi abahlolokazi babo, layenza amanxuwa imizi yabo, kwaba senkangala kwilizwe nakwinzaliseko yalo, ngezwi lokubharhula kwalo."

8Iintlanga zaba ngeenxa zonke emazweni, zamisa kulo, zawutwabulula phezu kwalo umnatha wazo, labanjiswa emhadini wazo."

9Zalifaka endlwaneni linamakhonkco zalisa kukumkani waseBhabheli, zalisa ezimboniselweni, ukuze ilizwi lalo lingabi savakala ezintabeni zakwaSirayeli."

10Unyoko ubenjengomdiliya, otyelwe ngasemanzini, ekuphumleni kwakho, waqhama, wanamasebe amaninzi ngenxa yamanzi amaninzi."

Ezekiel 19 illustration - Ezekiel Chapter 19

11Waba namasebe aqinileyo okuba ziintonga zabalawuli. Ubude bawo baphakama baphezulu, phakathi kweengqimba zamafu; wabonakala ekuphakameni kwawo ngobuninzi bamasebe awo."

12Wanyothulwa ke ngobushushu, wakhahlelwa emhlabeni, ulophu lwasempumalanga lwazomisa iziqhamo zawo; axhuzulwa oma amasebe awo aqinileyo, atsha ngumlilo."

13Ngoku ke utyelwe entlango, ezweni elingumqwebedu, elomileyo."

14Kuphume ke umlilo emahlamvini amasebe awo, wazitshisa iziqhamo zawo, akwabakho sebe liqinileyo kuwo, lokuba yintonga yokulawula. Sisijwili ke, saye siya kuba sisijwili."

Chapter Complete

You have read Ezekiel 19

14 verses