Lumina
Exodus

Laws of Justice

Exodus 21ยทXhosa Bible

1Ngawo la amasiko oya kuwabeka phambi kwabo:"

2Xa uthe wazuza ikhoboka elingumHebhere, lokhonza iminyaka ibe mithandathu; lithi kowesixhenxe liphume likhululekile, lingahlawulelwanga."

3Ukuba lithe leza lodwa, lophuma lodwa; ukuba belithe leza liyindoda enomfazi, umkalo wophuma nalo."

4Ukuba ke inkosi yalo ithe yalizekela umfazi, walizalela oonyana, nokuba ziintombi: umfazi lowo nabantwana balo boba ngabenkosi yalo, liphume lona lodwa."

5Ukuba lithe eli khoboka, Ndiyayithanda inkosi yam, nomkam, nabantwana bam, andiyi kuphuma ndikhululekile:"

Exodus 21 illustration - Exodus Chapter 21

6inkosi yalo leyo yolisondeza kuThixo, ilisondeze elucangweni, nokuba kusemgubasini, ilithumbuse indlebe ngenyatyhowa inkosi yalo, liyikhonze ngonaphakade."

7Xa ke umntu athe wathengisa ngentombi yakhe, yaba likhobokazana, mayingaphumi ngokokuphuma kwamakhoboka lawo."

8Ke ukuba ithe ayayikholisa inkosi yayo, ebizimisele yona, yoyivumela ukuba ikhululwe ngentlawulelo; ke ayiyi kuba nagunya lakuthengisa ngayo kubantu bolunye uhlanga, ukuba iyitshinizele."

9Ukuba ithe yayimisela unyana wayo, yothi iyenze ngokwesiko leentombi zonke."

10Ukuba ithe yamzekela omnye umfazi, mayingakunciphisi ukudla kwayo, nezambatho zayo, nokubalelwa kwayo."

Exodus 21 illustration - Exodus Chapter 21

11Ukuba ayithanga izenze ezo zinto zontathu, mayiphume ingahlawulelwanga mali."

12Othe wabetha umntu wafa, naye wobulawa afe."

13Ke lowo ubengenanzondo, yanguThixo omqubisanise nesandla sakhe, ndokumisela indawo aya kusabela kuyo."

14Xa ke umntu athe wagabadela ngakummelwane wakhe, wambulala ngobuqhophololo: uze umsuse nasesibingelelweni sam, afe."

15Othe wabetha uyise, nokuba ngunina, wobulawa afe."

Exodus 21 illustration - Exodus Chapter 21

16Othe weba umntu, nokuba uthengise ngaye, nokuba ufunyenwe esandleni sakhe, wobulawa afe."

17Othe watshabhisa uyise, nokuba ngunina, wobulawa afe."

18Xa athe abambana amadoda, yaza enye yambetha ummelwane wakhe ngelitye, nokuba kungengqindi, akafa, wesuka walala ngendlu:"

19ukuba uthe wavuka, wahamba phandle esimelela: mayingabi natyala leyo yambethayo, kodwa yomnika indleko yexesha lakhe, imphilise aphile."

20Xa athe umntu wabetha isicaka sakhe, nokuba sisicakakazi sakhe ngentonga, safa ngesandla sakhe: sophindezelwa ngenene."

Exodus 21 illustration - Exodus Chapter 21

21Kodwa ukuba sithe sahlala, asafa, usuku nokuba ziintsuku: makungaphindezelwa; kuba siyimali yakhe."

22Xa athe amadoda abambana ngezihlwitha, agila umfazi emithi, waphuma isisu, akwenzakala nto noko: makahlawuliswe ngenene umfo lowo, njengoko iya kubeka phezu kwakhe indoda yaloo mfazi, arhole ngokwelizwi labahluli."

23Ukuba uthe wenzakala, uze urhole umphefumlo ngomphefumlo,"

24iliso ngeliso, izinyo ngezinyo, isandla ngesandla, unyawo ngonyawo,"

25ukutshiswa ngokutshiswa, inxeba ngenxeba, umvumbo ngomvumbo."

Exodus 21 illustration - Exodus Chapter 21

26Xa athe umntu wasibetha esweni isicaka sakhe, nokuba uthe wasibetha esweni isicakakazi sakhe, latyhaphaka: makasindulule sikhululekile ngenxa yeliso laso."

27Ukuba uthe wakhumla izinyo lesicaka sakhe, nokuba lelesicakakazi sakhe: makasindulule sikhululekile ngenxa yezinyo laso."

28Ke xa inkomo ithe yahlaba indoda, nokuba yinkazana, yafa: loo nkomo mayigityiselwe ngamatye, ingadliwa inyama yayo; umnininkomo woba msulwa."

29Ke ukuba inkomo leyo ibihlaba kakade, waza waziswa umniniyo, akayigcina noko, yaza yabulala indoda, nokuba yinkazana: mayigityiselwe ngamatye inkomo leyo, kananjalo nomniniyo makabulawe."

30Ukuba uthe wamiselwa intlawulo yokuzicamagushela, makayirhole akhulule umphefumlo wakhe, ngako konke akumiselweyo."

Exodus 21 illustration - Exodus Chapter 21

31Nokuba ihlabe unyana, nokuba ihlabe intombi, makwenziwe kuye ngelo siko."

32Ukuba inkomo yakhe ithe yahlaba isicaka, nokuba sisicakakazi, makarholele inkosi yaso iishekele zesilivere ezimashumi mathathu, inkomo yona igityiselwe ngamatye."

33Xa umntu athe wavula umhadi, naxa umntu athe wemba umhadi, akawuvingca, kweyela inkomo, nokuba liesile, kuwo:"

34umninimhadi woyimisela, ambuyisele umniniyo ngemali, leyo ifileyo ibe yeyakhe."

35Xa ithe inkomo yomntu yahlaba inkomo yommelwane wakhe, yafa, mabathengise ngenkomo leyo iphilileyo, bayahlule imali yayo; kananjalo mabayahlule leyo ifileyo."

Exodus 21 illustration - Exodus Chapter 21

36Ukuba kwakusazeka ukuba inkomo leyo ibihlaba kakade, akayigcina umniniyo: makayimisele inkomo ngenkomo, leyo ifileyo ibe yeyakhe."

Chapter Complete

You have read Exodus 21

36 verses