Lumina
Deuteronomy

Curses from Mount Ebal

Deuteronomy 27·Xhosa Bible

1UMoses namadoda amakhulu akwaSirayeli abawisela abantu umthetho, esithi, Wugcineni wonke umthetho endiniwiselayo namhla."

2Wothi, ngemini enithe nayiwela iYordan, nangena kwelo zwe akunikayo uYehova uThixo wakho, uzimisele amatye amakhulu, uwaqabe ngefutha,"

3ubhale kuwo onke amazwi alo myalelo, wakuba uwelile; ukuze ungene kulo ilizwe akunikayo uYehova uThixo, ilizwe elibaleka amasi nobusi, njengoko uYehova uThixo woyihlo wathethayo kuwe."

4Nothi, nakuyiwela iYordan, nimise la matye ndiniwisela umthetho ngawo namhla, entabeni ye-Ebhali, uwaqabe ngefutha;"

5wakhele apho isibingelelo kuYehova uThixo wakho, isibingelelo samatye; ungasiphakamiseli ntlabo yantsimbi."

Deuteronomy 27 illustration - Deuteronomy Chapter 27

6Wosakha ngamatye awonke isibingelelo sikaYehova uThixo wakho, unyuse phezu kwaso amadini anyukayo kuYehova uThixo wakho;"

7ubingelele imibingelelo yoxolo, udle khona, uvuye phambi koYehova uThixo wakho;"

8uwabhale uwalungise ematyeni lawo onke amazwi alo myalelo kakuhle."

9UMoses nababingeleli abaLevi bathetha ke kumaSirayeli onke, besithi, Yithi cwaka, uve, Sirayeli! Namhla nithe naba ngabantu kuYehova uThixo wakho;"

10uze uliphulaphule izwi likaYehova uThixo wakho, wenze imithetho yakhe nemimiselo yakhe, endikuwiselayo namhla."

Deuteronomy 27 illustration - Deuteronomy Chapter 27

11UMoses wabawisela abantu umthetho ngaloo mini, esithi,"

12Aba baya kuma basikelele abantu, entabeni yeGerizim, nakuyiwela iYordan: uSimon, noLevi, noYuda, noIsakare, noYosefu, noBhenjamin:"

13aba baya kuma baqalekise, entabeni ye-Ebhali: uRubhen, noGadi, noAshere, noZebhulon, noDan, noNafetali."

14Bohlabela abaLevi, bathi kuwo onke amadoda akwaSirayeli ngezwi elikhulu:"

15Uqalekisiwe umntu owenza umfanekiso oqingqiweyo notyhidiweyo, into elisikizi kuYehova, into engumsebenzi wezandla zomkroli, ayibeke endaweni esitheleyo; bavume bonke abantu, bathi, Amen."

Deuteronomy 27 illustration - Deuteronomy Chapter 27

16Uqalekisiwe ocukuceza uyise nokuba ngunina; bathi bonke abantu, Amen."

17Uqalekisiwe oshenxisa umlimandlela wommelwane wakhe; bathi bonke abantu, Amen."

18Uqalekisiwe olahlekisa imfama endleleni; bathi bonke abantu, Amen."

19Uqalekisiwe ojika isigwebo somphambukeli nenkedama nomhlolokazi; bathi bonke abantu, Amen."

20Uqalekisiwe olala nomkayise; ngokuba utyhila isondo lengubo kayise; bathi bonke abantu, Amen."

Deuteronomy 27 illustration - Deuteronomy Chapter 27

21Uqalekisiwe olala nantoni ezitho zine; bathi bonke abantu, Amen."

22Uqalekisiwe olala nodade wabo, nokuba yintombi kayise, nokuba yintombi kanina; bathi bonke abantu, Amen."

23Uqalekisiwe olala nomkhwekazi wakhe; bathi bonke abantu, Amen."

24Uqalekisiwe ombulalayo ummelwane wakhe ngasese; bathi bonke abantu, Amen."

25Uqalekisiwe osamkelayo isicengo sokubulala umntu, igazi elingenatyala; bathi bonke abantu, Amen."

Deuteronomy 27 illustration - Deuteronomy Chapter 27

26Uqalekisiwe ongawamisiyo amazwi alo myalelo ukuba awenze; bathi bonke abantu, Amen."

Chapter Complete

You have read Deuteronomy 27

26 verses