Lumina
2Timothy

2Timothy 4

2Timothy 4·Xhosa Bible

1Ndiyaqononondisa mna ngoko emehlweni kaThixo, neNkosi yethu uYesu Kristu, oza kugweba abaphilileyo nabafileyo, kwanangokubonakala kwakhe nobukumkani bakhe:"

2livakalise ilizwi; zingisa ukwenjenjalo ngamathuba alungileyo naxakileyo; yohlwaya, khalimela, vuselela, unako konke ukuzeka kade umsindo, nokufundisa."

3Kuba kuya kubakho ixesha abangayi kuyinyamezela imfundiso ephilileyo; baya kusuka ngokweenkanuko zabo bazifumbele abafundisi, bebaba iindlebe;"

4babeya kuzisonga zimke iindlebe kuyo inyaniso, baphambukele ke kuzo iintsomi."

5Ke wena yiba yingcathu ezintweni zonke, nyamezela ububi, umsebenzi womshumayeli weendaba ezilungileyo wenze, buzalise ubulungiseleli bakho."

2Timothy 4 illustration - 2Timothy Chapter 4

6Kuba mna sendithululwa ngokomnikelo; nalo ixesha lokunduluka kwam likufuphi."

7Umzamo omhle ndiwuzamile, ugqatso ndilufezile, ukholo ndilugcinile."

8Okokugqibela ndibekelwe isithsaba sobulungisa, eya kundibuyisela ngaso ngaloo mini iNkosi, umgwebi olilungisa; ingabi ndim ndedwa ke, ibe ngabo bonke abakuthandayo ukubonakala kwayo."

9Khawuleza uze kum kamsinya;"

10kuba uDemasi wandishiya ngokuthanda iphakade langoku, waya eTesalonika; uKreske uye kwelaseGalati; uTito uye kwelaseDalmati."

2Timothy 4 illustration - 2Timothy Chapter 4

11NguLuka yedwa onam. Thabatha uMarko uze naye; kuba unokundinceda kakuhle kumsebenzi wokulungiselela."

12Ke uTikiko ndamthumela e-Efese."

13Ingubo endayishiya eTrowa kuKarpo, uze uyiphathe ekuzeni kwakho, neencwadi ezo, ngokukodwa ezezintsu."

14UAlesandire, umkhandi wobhedu, wandenza izinto ezininzi ezimbi; iNkosi iya kumbuyekeza ngokwemisebenzi yakhe."

15Mlumkele nawe; kuba wawachasa kunene amazwi ethu."

2Timothy 4 illustration - 2Timothy Chapter 4

16Kokokuqala ukuziphendulela kwam, akubangakho namnye unam, basuka bonke bandishiya; kwanga akungebalelwe kubo oko."

17Noko ke iNkosi yandinceda, yandomeleza; ukuze ngam uvakaliso lweendaba ezilungileyo luzaliseke, neentlanga zonke zive; ndaza ndahlangulwa emlonyeni wengonyama."

18Isaya kundihlangula yona iNkosi kuwo wonke umsebenzi ongendawo, indisindisele ebukumkanini bayo obusemazulwini; kuyo makubekho uzuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen."

19Bulisa kuPriska noAkwila, nakwindlu kaOnesiforo."

20UErasto wasala eKorinte. Ke uTrofimo ndamshiya eMileto esifa."

2Timothy 4 illustration - 2Timothy Chapter 4

21Khawuleza uze, kungekabi sebusika. Uya kubulisa uYubhulo, noPudens, noLino, noKlawudiya, nabo abazalwana bonke."

22INkosi uYesu Kristu mayibe nomoya wakho. Ubabalo malube nani. Amen."

Chapter Complete

You have read 2Timothy 4

22 verses