Lumina
2Timothy

2Timothy 2

2Timothy 2·Xhosa Bible

1Wena ngoko, mntwana wam, yomelela elubabalweni olukuKristu Yesu;"

2uthi nezinto owazivayo kum ngamangqina amaninzi, ezo uzibeke phambi kwabantu abathembekileyo, bona baya kukulingana ukufundisa nabanye."

3Wena ngoko bunyamezele ububi, njengomphumi-mkhosi olungileyo kaKristu Yesu."

4Akukho namnye uthi, ephuma umkhosi, azibhijele ngemicimbi yobu bomi; ukuze amkholise lowo umnyulele ukuphuma umkhosi."

5Nakuba ke ubani esithi azame emdlalweni, akathweswa sithsaba, ukuba akathanga azame ngokomthetho."

2Timothy 2 illustration - 2Timothy Chapter 2

6Umlimi lowo ubulalekayo, umelwe kukwamkela kuqala kwiziqhamo."

7Ziqiqe izinto endizithethayo; iNkosi yokupha ke ingqondo ezintweni zonke."

8Mkhumbule uYesu Kristu, engovukileyo kwabafileyo, engowembewu kaDavide, ngokweendaba zam ezilungileyo;"

9endiva ububi ngenxa yazo, kude kuse ezintanjeni, njengomenzi wobubi; ke lona ilizwi likaThixo alibotshiwe."

10Ngenxa yoko izinto zonke ndiyazinyamezela ngenxa yabo abanyulwa, ukuze nabo bamkele usindiso olukuKristu Yesu, ndawonye nozuko olungunaphakade."

2Timothy 2 illustration - 2Timothy Chapter 2

11Lithembekile ilizwi eli: Kuba xa safa naye, sodla ubomi kwandawonye naye;"

12ukuba siyanyamezela, solawula kwandawonye naye; ukuba siyamkhanyela, naye wosikhanyela;"

13ukuba asithembekile, yena uhlala ethembekile; akanako ukuzikhanyeza."

14Bakhumbuze ezo zinto, uqononondise emehlweni eNkosi, ukuba kungenziwa mfazwe yamazwi angancedi lutho, kuze kubhukuqeke abaphulaphuli."

15Kukhuthalele ukuzimisa phambi koThixo ucikidekile, ungumsebenzi ongenazintloni, ulungisa ukulahlula ilizwi lenyaniso."

2Timothy 2 illustration - 2Timothy Chapter 2

16Ke zona iintetho ezingento, ezihlambelayo, zinxweme; kuba ziya kuhambela phambili kokukhona kungahloneli Thixo."

17Nelizwi labo liya kudla njengesilonda esiqhenqethayo; abanoHimenayo noFileto,"

18abathe bona bayiphosa inyaniso, besithi uvuko seluthe lwakho, kananjalo belubhukuqa ukholo lwenxenye."

19Noko ke limi, lithe nkqi, ilitye lesiseko likaThixo, linambhalo uthi, INkosi iyabazi abangabayo; nothi, Mabasuke kuko ukungalungisi, bonke abalibizayo igama likaKristu."

20Ke endlwini enkulu akubikho zitya zagolide nazasilivere zodwa; kubakho nezomthi nezomdongwe. Inxenye ke zezembeko, inxenye azizambeko."

2Timothy 2 illustration - 2Timothy Chapter 2

21Ukuba ngoko umntu uthe wazikhuphulula kwezo zinto, woba sisitya sembeko, singcwalisiwe, simlungele kakuhle umninindlu, silungiselwe wonke umsebenzi olungileyo."

22Ke zibaleke iinkanuko zobutsha; phuthuma ke ubulungisa, ukholo, uthando, uxolo nabo bayinqulayo iNkosi ngokwasentliziyweni ehlambulukileyo."

23Yinxweme imibuzwana yobudenge engenangqeqesho, usazi ukuba izala imfazwe."

24Ke umkhonzi weNkosi akamele kulwa; umele ukuba nokuthantamisa kubantu bonke, enokufundisa, enyamezela ububi,"

25ebaqeqesha ngobulali abo baphikayo; ukuba akangethi na kanti uThixo abaphe inguquko esa ekuyazini inyaniso,"

2Timothy 2 illustration - 2Timothy Chapter 2

26babuye baqabuke, baphume esibatheni sakhe uMtyholi, ababanjiselwe ukuthanda kwakhe nguye."

Chapter Complete

You have read 2Timothy 2

26 verses