Lumina
1Kings

Elijah and the Ravens

1Kings 17·Xhosa Bible

1Wathi uEliya waseTishbhi, wasezindwendweni zaseGiliyadi, kuAhabhi, Ehleli nje uYehova uThixo wakwaSirayeli, endimi phambi kwakhe, akuyi kukha kubekho mbethe namvula le minyaka, kungengalo ilizwi lam."

2Lafika ilizwi likaYehova kuye, lisithi,"

3Hamba umke apha, ubheke empumalanga, uzimele emlanjaneni oyiKeriti, okhangelene neYordan."

4Wothi usele emlanjaneni apho; ndiwawisele umthetho amahlungulu ukuba akuxhase khona."

5Wahamba ke wenza ngokwelizwi likaYehova, waya wahlala emlanjaneni oyiKeriti, okhangelene neYordan."

1Kings 17 illustration - 1Kings Chapter 17

6Amahlungulu amzisela isonka nenyama kusasa, isonka nenyama ngokuhlwa, wasela emlanjaneni apho."

7Kuthe, kwakuhamba ixesha, watsha umlanjana, ngokuba bekungabangakho mvula ezweni."

8Lafika ilizwi likaYehova kuye, lisithi,"

9Suka uye eTsarfati yaseTsidon, uhlale khona; uyabona, ndimwisele umthetho khona umfazi ongumhlolokazi, ukuba akuxhase."

10Wesuka ke waya eTsarfati, wafika esangweni lomzi; nanko kukho apho umfazi ongumhlolokazi echola iinkuni; wambiza, wathi, Khawundikhelele intwana yamanzi ngesitya, ndisele."

1Kings 17 illustration - 1Kings Chapter 17

11Waya kuwakha; wambiza, wathi, Khawundiphathele neqhekeza lesonka ngesandla."

12Wathi, Ehleli nje uYehova, uThixo wakho, andinasonka; ngumgubo ongazalisa isandla emphandeni, nentwana yeoli eselweni; uyabona ke, ndichola iinkuni ezimbini, ukuba ndiye ndenzele mna nonyana wam, sidle, sife."

13Wathi uEliya kuye, Musa ukoyika; yiya, wenze ngokwelizwi lakho; kodwa ke ndenzele isonkana ngawo ukuqala, undizisele, uzenzele ke wena nonyana wakho emveni koko."

14Ngokuba utsho uYehova, uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Umphanda womgubo awuyi kuphela, neselwa leoli aliyi kuminyelelwa, ide ifike imini aya kuyinisa ngayo imvula uYehova phezu komhlaba."

15Waya ke, wenza ngokwelizwi likaEliya, wadla yena, naye, nendlu yakhe, zaziintsuku."

1Kings 17 illustration - 1Kings Chapter 17

16Umphanda womgubo awuphelanga, iselwa leoli alaminyelelwa, ngokwelizwi likaYehova, awalithethayo ngoEliya."

17Kwathi emveni kwezo zinto, wahliwa sisifo unyana waloo mfazi ungumnikazindlu; sathi isifo sakhe saba nzima kakhulu, kwada akwabakho kuphefumla kuye."

18Wathi kuEliya, Yintoni na enam nawe, mfo wakwaThixo? Uze kum, ukuba undikhumbuze ubugwenxa bam, umbulale unyana wam?"

19Wathi kuye, Ndinike unyana wakho. Wamthabatha ke esifubeni sakhe, wenyuka naye, waya egumbini eliphezulu abehlala kulo, wamlalisa phezu kwesingqengqelo sakhe."

20Wanqula uYehova, wathi, Yehova Thixo wam, umenzele ububi nomhlolokazi lo na ndiphambukele kuye, ngokubulala unyana wakhe?"

1Kings 17 illustration - 1Kings Chapter 17

21Wazolula phezu komntwana izihlandlo zazithathu, wanqula uYehova, wathi, Yehova Thixo wam, mawukhe ubuyele phakathi kwakhe umphefumlo walo mntwana."

22Waliva uYehova ilizwi likaEliya; wabuyela phakathi kwakhe umphefumlo waloo mntwana, waphila."

23Wamthabatha uEliya umntwana, wehla naye egumbini eliphezulu, waya endlwini, wamnika unina; wathi uEliya, Uyabona, uphilile unyana wakho."

24Wathi loo mfazi kuEliya, Kaloku ke ndiyazi ukuba ungumfo wakwaThixo wena, nelizwi likaYehova elisemlonyeni wakho liyinyaniso."

Chapter Complete

You have read 1Kings 17

24 verses