Lumina
1Chronicles

Sons of Israel; Judah

1Chronicles 2·Xhosa Bible

1Ngabo aba oonyana bakaSirayeli: nguRubhen, noSimon, noLevi, noYuda, noIsakare, noZebhulon,"

2noDan, noYosefu, noBhenjamin, noNafetali, noGadi, noAshere."

3Oonyana bakaYuda nguEre, no-Onan, noShela. Abo bathathu wabazalelwa yintombi kaShuwa, umKananekazi. Ke uEre, amazibulo kaYuda, ebenobubi emehlweni kaYehova; wambulala."

4UTamare, umolokazana wakhe, wamzalela uPeretse noZera. Bebonke oonyana bakaYuda bahlanu."

5Oonyana bakaPeretse nguHetseron, noHamuli."

1Chronicles 2 illustration - 1Chronicles Chapter 2

6Oonyana bakaZera nguZimri, noEtan, noHaman, noKalekole, noDara; bebonke bahlanu."

7Oonyana bakaKarmi nguAkare, owawahlisela ishwangusha amaSirayeli, wenza ubumenemene entweni esingelwe phantsi."

8Oonyana bakaEtan nguAzariya."

9Oonyana bakaHetseron awabazalelwayo: nguYerameli, noRam, noKelubhayi."

10URam wazala uAminadabhi; uAminadabhi wazala uNashon, inkulu yoonyana bakaYuda."

1Chronicles 2 illustration - 1Chronicles Chapter 2

11UNashon wazala uSalima;"

12uSalima wazala uBhohazi; uBhohazi wazala uObhede; uObhede wazala uYese."

13UYese wazala uEliyabhi, amazibulo akhe, noAbhinadabhi owesibini, noShama owesithathu,"

14noNataniyeli owesine, noRadayi owesihlanu,"

15no-Otsem owesithandathu, noDavide owesixhenxe."

1Chronicles 2 illustration - 1Chronicles Chapter 2

16Oodade babo baye bengooTseruya noAbhigali. Oonyana bakaTseruya nguAbhishayi, noYowabhi, noAsaheli; bathathu."

17UAbhigali wazala uAmasa; uyise ka-Amasa ebenguYetere, umIshmayeli."

18UKalebhi, unyana kaHetseron, wazala ngoAzubha umkakhe nangoYerihoti. Ngabo aba oonyana bakhe: uYeshere, noShobhabhi, noArdon."

19Wafa uAzubha; uKalebhi wazeka uEfrata; wamzalela uHuri."

20UHuri wazala u-Uri, u-Uri wazala uBhetsaleli."

1Chronicles 2 illustration - 1Chronicles Chapter 2

21Emveni koko wayingena uHetseron intombi kaMakire, uyise kaGiliyadi, wayizeka eminyaka imashumi mathandathu ezelwe; yamzalela uSegubhi."

22USegubhi wazala uYahire; wayenemizi engamashumi amabini anamithathu ezweni laseGiliyadi."

23UGeshuri noAram bathabatha kubo iHavoti-yahire, neKenati, namagxamesi ayo: imizi engamashumi omathandathu. Bonke aba babengoonyana bakaMakire, uyise kaGiliyadi."

24Emva kokufa kukaHetseron kwaKalebhi yakwaEfrata, umkaHetseron, uAbhiya, wamzalela uAsuri, uyise ozala amaTekowa."

25Oonyana bakaYerameli, amazibulo kaHetseron, babengooRam amazibulo akhe, noBhuna, no-Oren, no-Otsem, noAhiya."

1Chronicles 2 illustration - 1Chronicles Chapter 2

26UYerameli ebenomnye umfazi, igama lakhe linguAtara; ubengunina kaOnam."

27Oonyana bakaRam, amazibulo kaYerameli, babenguMahatse, noYamin, noEkere."

28Oonyana bakaOnam babenguShamayi, noYada. Oonyana bakaShamayi nguNadabhi, noAbhishure."

29Igama lomka-Abhishure nguAbhihayili; wamzalela uAbhan, noMolidi."

30Oonyana bakaNadabhi nguSelede, noApayim; wafa uSelede engazalanga."

1Chronicles 2 illustration - 1Chronicles Chapter 2

31Oonyana baka-Apayim nguIshi. Oonyana bakaIshi nguSheshan. Oonyana bakaSheshan nguAlayi."

32Oonyana bakaYada, umninawa kaShamayi, nguYetere noYonatan. Wafa uYetere engazalanga."

33Oonyana bakaYonatan nguPelete noZaza. Ngabo abo oonyana bakaYerameli."

34USheshan ebengenanyana; ibiziintombi zodwa. USheshan ebenomkhonzi ongumYiputa; igama lakhe belinguYar-ha."

35USheshan wamnika uYar-ha umkhonzi wakhe intombi yakhe, ukuba ibe ngumfazi; yamzalela uAtayi."

1Chronicles 2 illustration - 1Chronicles Chapter 2

36UAtayi wazala uNatan; uNatan wazala uZabhadi."

37UZabhadi wazala uEfelali; uEfelali wazala uObhede;"

38uObhede wazala uYehu; uYehu wazala uAzariya;"

39uAzariya wazala uHeletse; uHeletse wazala uElasa;"

40uElasa wazala uSisamayi; uSisamayi wazala uShalum;"

1Chronicles 2 illustration - 1Chronicles Chapter 2

41uShalum wazala uYekamiya; uYekamiya wazala uElishama."

42Oonyana bakaKalebhi, umkhuluwa kaYerameli, nguMesha amazibulo akhe, obenguyise wabaseZifi, noonyana bakaMaresha, uyise kaHebron."

43Oonyana bakaHebron nguKora, noTapuwa, noRekem, noShema."

44UShema wazala uRaham, uyise kaYorkeham; uRekem wazala uShamayi."

45Unyana kaShamayi nguMahon; uMahon nguyise wabaseBhete-tsure."

1Chronicles 2 illustration - 1Chronicles Chapter 2

46UEfa, ishweshwe likaKalebhi, wazala uHaran, noMotsa, noGazeze; uHaran wazala uGazeze."

47Oonyana bakaYadayi nguRegem, noYotam noGeshan, noPelete, noEfa, noShahafe."

48UMahaka, ishweshwe likaKalebhi, wazala uShebhere, noTir-hana;"

49wazala noShahafe, uyise wabaseMademana, noSheva uyise wabaseMakebhena, noyise wabaseGibheha; intombi kaKalebhi ibinguAkesa."

50Ngabo aba oonyana bakaKalebhi: ngoonyana bakaHuri, amazibulo kaEfrata; uShobhali ozala amaKiriyati-yeharim;"

1Chronicles 2 illustration - 1Chronicles Chapter 2

51uSalima, uyise wabaseBhetelehem; uHarefe, uyise wabaseBhete-gadere."

52UShobhali, uyise wabaseKiriyati-yeharim, ebenoonyana: uHarowe, noHatsihamenukoti."

53Imizalwane yaseKiriyati-yeharim ngamaItri, namaPuti, namaShumati, namaMisherayi. Baphuma kuyo abaseTsorati, namaEshtawoli."

54Oonyana bakaSalima ngabaseBhetelehem, nabaseNetofa, abaseAteroti yendlu kaYowabhi, nabaseHazi-hamanati, nabaseTsora."

55Imizalwane yababhali, abemi baseYabhetse, ngabaseTira, ngabaseShemiha, ngabaseSuka. La ngamaKeni avela kuHamati, uyise wabendlu kaRekabhi."

Chapter Complete

You have read 1Chronicles 2

55 verses