Lumina
1Chronicles

David's Family and Victories

1Chronicles 14·Xhosa Bible

1Ke kaloku uHiram, ukumkani waseTire, wathuma abathunywa kuDavide, nemisedare, neengcibi zeendonga, neengcibi zemithi, ukumakhela indlu."

2Wazi uDavide ukuba uYehova umqinisile waba ngukumkani wamaSirayeli; baphakanyiselwa phezulu ubukumkani bakhe ngenxa yabantu bakhe amaSirayeli."

3UDavide wabuya wazeka abanye abafazi eYerusalem; uDavide wabuya wazala abanye oonyana neentombi."

4Ngawo la amagama abantwana awabazuzayo eYerusalem: uShamuwa, noShobhabhi, noNatan, noSolomon,"

5noIbhehare, noElishuwa, noElipelete,"

1Chronicles 14 illustration - 1Chronicles Chapter 14

6noNoga, noNefege, noYafiya,"

7noElishama, noBheleyada, noElifelete."

8Athi ke amaFilisti, akuva ukuba uthanjiswe uDavide, waba ngukumkani kumaSirayeli onke, enyuka onke amaFilisti, aya kumfuna uDavide. Weva uDavide, waphuma waya kuwahlangabeza."

9AmaFilisti eza athi dwe entilini yamaRafa."

10Wabuza uDavide kuThixo, wathi, Ndinyuke na ndiye kumaFilisti? Wowanikela na esandleni sam? Wathi uYehova kuye, Nyuka, ndowanikela esandleni sakho."

1Chronicles 14 illustration - 1Chronicles Chapter 14

11Benyuka baya eBhahali-peratsim, wawabulalela khona uDavide. Wathi uDavide, UThixo uzityhobozele iintshaba zam ngesandla sam, njengokutyhoboza kwamanzi; ngenxa yoko bathi igama laloo ndawo yiBhahali-peratsim."

12Azishiya apho izithixo zawo; wathi uDavide mazitshiswe ngomlilo."

13Abuya aphinda amaFilisti, athi dwe entilini leyo. Wabuya wabuza uDavide kuThixo."

14Wathi uThixo kuye, Uze ungenyuki uwasukele; jika umke kuwo, ufike kuwo malunga nemithi yemibhaka;"

15kuthi, ekuveni kwakho isandi sokuhamba emantloko emithi yemibhaka, wandule ukuphuma ulwe; ngokuba uphumile uThixo phambi kwakho, ukuba awuxabele umkhosi wamaFilisti."

1Chronicles 14 illustration - 1Chronicles Chapter 14

16Wenza uDavide njengoko uThixo wamwisela umthetho ngako; bawuxabela umkhosi wamaFilisti, bathabathela eGibheyon, besa naseGezere."

17Lwaphuma lwagqiba ilizwe udumo lukaDavide; uYehova wazenza zonke iintlanga ukuba zinkwantye nguye."

Chapter Complete

You have read 1Chronicles 14

17 verses